ULUKA 22:1-30

ULUKA 22:1-30 XHO75

Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.• Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu. Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini. Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo. Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali, wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu. Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika. Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle. Bathe ke bona kuye, Ùfuna ukuba siyilungise phi na? Úthe ke yena kubo, Yabonani, nákungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo. Nòthi kumninindlu, Úthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam? Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke. Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika. Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile• abalishumi elinababini kunye naye. Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima. Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo. Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo. Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo. Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula. Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina. Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha. UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye! Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto. Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungáthiwa ngomkhulu. Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanâbo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi. Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli. Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli. Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam. Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna, ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.