Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda; wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete.
Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete. Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Ùnentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho. Kuhlé ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum? Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam. Únoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi.
Wathi uMariya:
Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,
Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;
Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe;
Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;
Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla;
Lingcwele igama lakhe.
Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana
Kwabo bamoyikayo.
Wenzé amandla ngengalo yakhe,
Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo.
Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo,
Wabaphakamisa abathobekileyo.
Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo;
Wabandulula abazizityebi belambatha.
Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe,
Ngokukhumbula inceba yakhe;
Njengoko wathethayo koobawo bethu,
KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade.
Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya.
Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana. Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye.
Kwathi ngomhla wesibhlozo, beza kumalùsa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya; koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane. Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho. Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa. Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo.
Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto. Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.
UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:
Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,
Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.
Yasiphakamisela uphondo losindiso
Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo,
Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;
Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;
Ukubenzela inceba oobawo bethu,
Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,
Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,
Sokusinika ukuba sithi, síhlangulwe esandleni seentshaba zethu,
Siyikhonze singenakoyika,
Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.
Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni,
Kuba ùya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,
Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso
Ngoxolelo lwezono zabo,
Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu,
Othe ngaye wasivelela umsó wasenyangweni,
Ukuba úkhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzini lokufa,
Ukuba úzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.
Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.