UYOBHI 28:12-28

UYOBHI 28:12-28 XHO75

Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo? Àkalazi umntu ixabiso labo; Àbufunyanwa ezweni labahleliyo. Amanzi enzonzobila athi, Àbukum; Ulwandle luthi, Àbunam. Àkurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Àkulinganiswa silivere ibe yintengo yabo. Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi• enqabileyo, nesafire.• Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo. Zingasakhunjulwa iikroale• neekristale,• Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.• Ayinakulingana nabo itopazi• yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo. Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo? Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini. Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe. NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo. Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke; Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso; Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela: Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca; Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.