UYOHANE 14:1-3

UYOHANE 14:1-3 XHO75

Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.