(Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya• ezingathi zilishumi elinazihlanu.) Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.
Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini. Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga. Nangoku ndiyazi ukuba, ongáthi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.
Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethé wafa, wodla ubomi. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; ùyakholwa na koko? Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.
Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, úyakubiza. Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye. (Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.) Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Úya engcwabeni, ukuya kulila khona.
UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka. Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. UYesu walila. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe! Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba naló angafi?
Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo. Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-né efile. Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo? Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo.
Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma. Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.
Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebizé kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye. Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.