IEKSODUS 6:28-30

IEKSODUS 6:28-30 XHO75

Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa, wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe. Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wóthini na uFaro ukundiphulaphula?