Sanduluka, sabheka entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu,• njengoko uYehova wathetha kum, sayijikeleza intaba yakwaSehire imihla emininzi. Wathetha uYehova kum, wathi, Kukade niyijikeleza le ntaba; bhekani ngasentla, ubawisele abantu umthetho uthi, Niya kugqitha nje emdeni wabazalwana benu, oonyana bakaEsawu, abemi kwaSehire. Baya kunoyika, ize nizilumkele ke kunene. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele. Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Ùyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mané uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.
Funda IDUTERONOMI 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IDUTERONOMI 2:1-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo