U‐Hosheha 14
14
1BUYELA, Sirayeli! kuyehova, utixo wako; ngokuba uwile ngenkohlakalo yako. 2Tabata nawe amazwi, uze ubuyele kuyehova; yitini kuye: Susa inkohlakalo yonke, usamkelise okulungileyo; sasiya kuhlaula ngamatole emilomo yetu. 3I‐Asiriya ayiyi kusisindisa; asiyi kukwela emahasheni; kanjalo asiyi kubuya siti emsebenzini wezandla zetu: Ningotixo betu: ngokuba kuwe inkedama ifumana ububele.
4Ndopilisa upambuko lwabo; ndobatanda ngokuvuma; ngokuba ingqumbo yam ibuyile kuye. 5Ndoba njengombete ku‐Sirayeli: uya kutyatyamba njengenyibiba, azendelise ingcambo zake njenge‐Lebanone. 6Amahlumelo ake otwabululeka, ubuhle bake boba njengomnquma, woba nevumba njenge‐Lebanone. 7Baya kubuya abo bahleliyo emtunzini wake; bohluma njengenqolowa, batyatyambe njengomti weveyine: isikumbuzo sake soba njengeveyine yase‐Lebanone. 8Woti u‐Frayime: Ziseyinto nina kum izitixo? ndivile mna, ndandiya kumgqala: ndinjengomti weberoshe oluhlaza: siyazuzwa kum isiqa̔mo sako.
9Ngubanina onobulumko, ukuba aziqonde ezizinto? ngubanina onobutelekelelo, ukuba azazi? ngokuba indlela zikayehova zifanele; abalungileyo bohamba kuzo, kodwa abagqiti baya kuku̔beka kuzo.
Trenutno izabrano:
U‐Hosheha 14: XHO1902A
Istaknuto
Kopiraj
Uporedi
Podeli
Želiš li da tvoje istaknuto bude sačuvano na svim tvojim uređajima? Kreiraj nalog ili se prijavi
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.