U‐Hamose 1
1
ISAHLUKO I.
1AMAZWI ka‐Hamose, obepakati kwabalusi base‐Tekoha, lawo wawabonayo ngo‐Sirayeli, emihleni ka‐Huziya, ukumkani wo‐Juda, nasemihleni ka‐Jerobome, unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka mibini singekabiko isingcangcazelo somhlaba.
2Wayesiti: Uyehova uya kugquma e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; amaṙiwa abalusi aya kulila, nengcopo ye‐Karamele yobuna.
3Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Damakusi, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba bebulile i‐Gileyadi ngentsimbi zento yokubula. 4Ngako ndiya kutuma umlilo endlwini ka‐Hazayeli, oya kuzidla izindlukazi zika‐Bene‐hadadi. 5Ndandiya kwapula umvalo we‐Damakusi, ndinqamle umhlali emhlanjeni we‐Avene, nompati wentonga e‐Bete‐hedeni; baye abantu base‐Siriya beya kutinjelwa e‐Kire, utsho uyehova.
6Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Gaza, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba befudusile inani lonke labatinjiweyo, baze babanikele ku‐Edome. 7Ngako ndiya kutuma umlilo eludongeni lwe‐Gaza, oya kuzidla izindlukazi zayo. 8Ndandiya kunqamla umhlali e‐Ashedode, nompati wentonga e‐Ashekelone; nesandla sam ndosibuyisela pezu kwe‐Hekrone, bati abasisalela sama‐Filistiya babube, itsho inkosi e nguyehova.
9Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu ze‐Tire, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwayo; ngokuba benikele inani lonke labatinjiweyo ku‐Edome, bengakumbulanga ucebano lwabazalwana. 10Ngako ndiya kutuma umlilo eludongeni lwe‐Tire, oya kuzidla izindlukazi zayo.
11Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zika‐Edome, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwake; ngokuba eputumile umzalwana wake ngesiṙele, wazonakalisa ezake izibele; ingqumbo yake yaqwenga futi, nomsindo wake wawugcina ngonapakade. 12Ngako ndiya kutuma umlilo e‐Temani, oya kuzidla izindlukazi zase‐Botsera.
13Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yezigqito ezitatu zosapo luka‐Hamoni, nangenxa yezine, andiyi kubuyisa ukugwetywa kwalo; ngokuba luqangqulule abamitiyo base‐Gileyadi, ukuze luwandise umda walo. 14Ngako ndiya kupemba umlilo eludongeni lwe‐Raba, oya kuzidla izindlukazi zayo; ngesimemezo emhleni wokulwa, ngoqwitela emhleni wesaqwiti. 15Waeya kuya ekutinjweni ukumkani walo, yena nenkosana zake kunye, utsho uyehova.
Trenutno izabrano:
U‐Hamose 1: XHO1902A
Istaknuto
Kopiraj
Uporedi
Podeli
Želiš li da tvoje istaknuto bude sačuvano na svim tvojim uređajima? Kreiraj nalog ili se prijavi
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.