IINDUMISO 96

96
IKumkani yeekumkani
(1 Gan 16:23-33)
1Mombeleleni ingoma entsha *uNdikhoyo!
Mombelel' uNdikhoyo, hlabathi lonke!
2Mombelelen' uNdikhoyo, nibonge igama lakhe;
zivakaliseni mihla le iindaba zakhe zosindiso.
3Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;
zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
4Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;
ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,
5kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,
kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.
6Yena unobungangamsha nesithozela;
kukho isihomo nendili apho akhoyo.
7Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;
mbongeni kuba unewonga namagunya.
8Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;
sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.
9Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;
malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.
10Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;
nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;
nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
11Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;
gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;
12makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;
mayombele imithi emahlathini;
13kuba uyeza uNdikhoyo;
uza kuligweba ihlabathi,
alilawule ngobulungisa,
azigwebe ngokomthetho izizwe.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 96: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න