IINDUMISO 95

95
Ingoma yokubonga
1Yizani sombelele *uNdikhoyo,
simculele sigcobile umkhuseli nomsindisi wethu!
2Masiye kuye sinombulelo,
simombelele iingoma zokubonga.
3Kaloku uNdikhoyo nguThixo onamandla,
ngukumkani omkhulu *kwizithixo zonke.
4Lisesandleni sakhe ihlabathi liphela;
iinzulu neencopho zilawulwa nguye.
5Ulawula ulwandle kuba walwenza;
nomhlaba wawudala ngezandla zakhe.
6Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu,
7kuba yena nguThixo wethu.
Thina singumhlambi awalusayo,
iigusha ezondliwa nguye.
Namhla liveni ilizwi lakhe elithi:
8“Musan' ukuba neenkani, njengookhokho benu eMeribha,
njengemihla yaseMasa entlango,
9apho bandilingayo,
naxa babezibona izinto endandibenzela zona.
10Iminyaka emashumi mane bandikruqula,
ndada ndathi: ‘Hay' ukungeva kwabo;
abayithobeli imiyalelo yam.’
11Ngoko ke ndafunga ngomsindo, ndathi:
‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 95: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න