IINDUMISO 87
87
Izibongo zeJerusalem
Iculo elingumhobe woonyana bakaKora.
1*UNdikhoyo wasithi zinzi isixeko sakhe
phezu kwentaba engcwele.
2Ewe, yena akaziva ngeZiyon;
ingaphezu kwayo yonke imizi yakwaYakobi.
3Ewe, kuthethwa kamnandi ngawe, Ziyon, sixeko sikaThixo:
4“Phakathi kwabo bandaziyo ndibalula iJiputa neBhabheli;
ewe, amaFilistiya, amaTire, namaKushe,
xa ewonke aphuma eJerusalem.”
5IZiyon kuya kuthiwa ngunozala wezizwe zonke,
kuba uPhezukonke uyayixhasa.
6Akuzidwelisa zonke izizwe uNdikhoyo,
xa zizonke zoba ngabemi baseJerusalem.
7Iimvumi nabangqungqayo baya kuthi:
“Thina singabomthonyama.”
දැනට තෝරාගෙන ඇත:
IINDUMISO 87: XHO96
සළකුණු කරන්න
පිටපත් කරන්න
සසඳන්න
බෙදාගන්න
ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්රවේශ වීමට අවශ්යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.