IINDUMISO 86

86
Ukuzibika
Umthandazo kaDavide.
1Khawusabele, *Ndikhoyo, undilungiselele;
kaloku mna ndiyimpula kalujaca.
2Ndikhusele kaloku, kuba ndiyakuthobela;
sihlangule isicaka esikholosa ngawe.
3UnguThixo wam, ndibabale, Nkosi.
Kaloku mna ndihlala ndikhala kuwe.
4Ewe, khawusonwabise isicaka sakho.
Nkosi, ndiwunyusela kuwe umthandazo wam.
5Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.
6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;
khawundivele, ndiyakubongoza.
7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,
kuba wena uyavelana nam.
8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,
engekho nonemisebenzi enjengeyakho.
9Zonke izizwe owazidalayo
ziya kukhahlela kuwe, Nkosi,
zibonga zibabaza igama lakho.
10Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;
ewe, nguwe wedwa uThixo.
11Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi.
12Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;
Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,
13kuba ziyandimangalisa izibele zakho;
undihlangule enzonzobileni yengcwaba.
14Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.
Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;
zona azikukhathalele nganto.
15Kambe ke wena, Nkosi,
unguThixo onenceba nesisa.
Wena ucaphuka kade,
uphuphuma uthando nokunyaniseka.
16Buya uvelane nam;
khawusomeleze isicaka sakho,
umhlangule unyana wesicakazana sakho.
17Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,
ukuze abandithiyileyo babone badane,
kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 86: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න