IINDUMISO 61

61
Ukucela ukhuselo
Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umhobe kaDavide.
1Thixo, ndiyakhala;
nceda undiphulaphule.
2Ndibhenela kuwe ndisekudeni;
ndisuke ndanengevane.
Nceda undikhokele,
undise entabeni ephakamileyo.
3Kaloku wena uyinqaba yam;
uyandikhusela ezintshabeni.
4Ndiya kuhlala kwakho njalo-njalo,
ndithi ncwaba phantsi kwaloo maphiko.
5Kaloku, wena Thixo, uzivile izithembiso zam;
undinike ilifa labakuhloniphayo.
6Yandise imihla yokumkani;
makakhule ade akhokhobe.
7Makangqendeve kwaThixo njalo-njalo,
umkhusele ngothando lwezibele zakho;
ewe, maluse ngokuthembeka kwakho.
8Mna ke ndiya kukubonga mihla le,
ndihlale ndizifezekisa izithembiso zam.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 61: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න