IINDUMISO 60

60
Ukucela ukuhlangulwa
Kumbhexeshi-kwayara, ingoma yokufundisa. Sisililo sikaDavide ngokuya wayesilwa nama-Aram aseMesopotami, kunye nama-Aram aseZobha, waza uJowabhi wawadudula wabulala amaEdom alishumi elinambini lamawaka kwiNtlambo yeTyuwa. Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyibiba.”
1Awu, Thixo, usilahlile!
Ngoku sitsho soyisakala.
Wena usivelele ngomsindo.
Nceda, khawube nebuyambo.
2Wena uwunyikimisile umhlaba;
wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.
Nceda ungcibe ezo ntanda.
3Abantu bakho ubavise inkxwaleko;
ewe, usitsho sazizinxada-nxada.
4Ubanike intshinga abakuhlonelayo;
ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.
5Nceda ngamandla akho usivelele,
ukuze basinde abo ubathandayo.
6UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,
wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,
ngoloyiso ndiyayihlahlela;
intili yeSukoti yona ndiyibenge.
7IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.
UEfrayim lelona xhadi lam;
uJuda ngumsimbithi wam.
8UMowabhi yintili yam yebhongo;
ke yena uEdom ndiyambanga.
EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
9Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?
Ngubani onokundisa e-Edom?
10Noko usilahlile, Thixo.
Awusaphumi nemikhosi yethu.
11Sincedise ezintshabeni zethu:
kaloku olomntu uncedo luphuthile.
12Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;
uya kuzinyhasha iintshaba zethu.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 60: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න