IINDUMISO 58

58
Ukutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo
Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide. Luculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Uze ungatshabalalisi.”
1Ngaba anikhethi buso na kodwa,
nina balawuli, xa nilawulayo?
Anibalamli ngegobe kodwa abantu?
2Hayi bo! Niyila inkohlakalo;
kweli hlabathi naba ugonyamelo.
3Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;
ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.
4Banobuhlungu njengeenyoka;
banjengenyushu ezenza isithulu,
5ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;
ubuqili benkintsela bungasebenzi.
6Khawubaphule loo mazinyo, Thixo;
wafohloze amabamba engonyama, *Ndikhoyo.
7Mabaphel' emehlweni, baxel' amanzi ehamba ngomsele.
Mabajolise ngeentolo ezibuthuntu.
8Mabanyibilike, baxel' inkumba.
Mabaxel' imva-mbilini ejik' endleleni.
9Imbiza ingekawuva umlilo,
noba wokhekile, noba awokhekanga,
izikhohlakali ziqweqwediswa zingabi sabonakala.
10Ke lona ilungisa liya kugcoba lisakuyibona le mpindezelo;
liya kugxampuza egazini labakhohlakeleyo.
11Abantu baya kutsho bathi:
“Kuthe kanti kuneziqhamo ukuba lilungisa;
ngenene ukho uThixo olilawulayo ihlabathi.”

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 58: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න