IINDUMISO 113

113
Ukuncoma ubulungisa bukaNdikhoyo
1Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Ewe, mbongen' *uNdikhoyo, zicaka zakhe;
khanityibele nibong' igama likaNdikhoyo.
2Ewe, lelokubongwa lidunyiswe igama likaNdikhoyo,
kusukela kalokunje kude kube nini-nini.
3Kusukela empuma kude kuye entshonalanga
uNdikhoyo makabe ngokhahlelwayo.
4UNdikhoyo ungaphaya, uzivelele zonk' izizwe;
isihomo sakhe siwakrobel' amazulu.
5Yaz'ba singamfanisa nabani n' uNdikhoyo uThixo wethu,
umahlal' emalandalahla kweliphezulu?
6Ngumagob' umnqonqo alengetyeke,
eqwalasel' amazulu nehlabathi.
7Amahlwempu uyawaphakamisa, awavuthulul' uthuli;
ewe, nabagqub' eluthuthwini uyabaphakamisa.
8Batsho bangqendeve ndawonye namatshawe;
ewe, babe matwa namatshawe abantu bakhe.
9Nomfazi ongaphathiyo umzimasa ngomzi,
atsho abe ngunobantwana onemincili.
Huntshu-u-u!
Bayethe, Mhlekazi!

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 113: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න