IINDUMISO 112

112
Uvuyo lwelungisa
1Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo *uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
2Inzala yakhe iya kuba nobungangamsha elizweni;
isizukulwana samalungisa sothamsanqeleka.
3Kweyakhe indlu yindyebo nobutyebi;
uya kuhlala esenza ubulungisa.
4Yena uyawakhanyisela amalungisa;
unjengesibane ebumnyameni,
kuba unobubele, inceba, nokulunga.
5Unethamsanqa umntu onika ngesisa,
lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.
6Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke.
7Iindaba ezimbi azilirhwaqelisi;
kaloku lomelele, kuba liqamele ngoNdikhoyo.
8Alitatazeli, laye lingenadyudyu,
zide zoyisakale iintshaba zalo.
9Lona linezinwe kumahlwempu;
liya kuhlala lisenza ubulungisa.
Ewe, liyahlonitshwa, futhi linesidima.
10Abangendawo bathi bakuyibona le nto bakhathazeke;
bathwal' umlomo bajijitheke bancame.
Ewe, iminqweno yabo ayizi nanto.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 112: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න