IINDUMISO 109

109
Isikhalazo somntu osengxakini
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1Thixo wam endimncomayo,
ngani ukuba uthi cwaka,
2ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki?
Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki;
3bathetha izinto ezimasikizi ngam;
bandihlasela ndingenzanga nto.
4Ndandibathanda ndibathandazela,
kodwa bandibuyekeza ngokundityhola.
5Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;
uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.
6Mmisele isibhoja lo mfo;
misa ofana naye ematyaleni.
7Ematyaleni makafunyaniswe onile,
nomthandazo wakhe mawumgwebe.
8Imihla yakhe mayinqanyulwe;
indawo yakhe mayithathwe ngomnye.
9Abantwana bakhe mababe ziinkedama,
umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.
10Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;
mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.
11Ombamba ulutho wanga angamthimba;
amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.
12Ngamana akungebikho bani uvelana naye,
angabikho ozisizelayo ezo nkedama.
13Ngamana yaphanza nenzala yakhe,
igama lakhe lingaphindi likhankanywe.
14Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,
buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.
15Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;
igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.
16Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,
koko wabadobelela abacinezelwa.
17Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;
zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.
18Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:
makuthi nca emzimbeni njengamanzi;
makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.
19Ewe, makube njengengubo ayambathayo;
mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.
20Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,
abo bathetha kakubi ngam.
21Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,
ndivelele ngenxa yegama lakho;
ndihlangule ngenxa yezibele zakho.
22Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;
futhi ke ndixhelekile.
23Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;
ndivuthuluke ngokwesinambuzane.
24Nditsho ndanengevane kukungatyi;
andibhityanga, ndingumcinga!
25Iintshaba zam ziphoxisa ngam;
zakundibona zihlunguzel' intloko.
26Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;
ndisindise ngokwezo zibele zakho!
27Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,
nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.
28Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;
bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.
Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.
29Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;
ewe, mabalithi wambu oku komnweba.
30Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;
ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;
31kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,
amhlangule kwabo bamsingela phantsi.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 109: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න