IINDUMISO 108

108
Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni
(Ndum 57:7-11; 60:5-12)
1Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;
ewe ngenene, andithandabuzi;
ndiza kumemelela nditsholoze!
2Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;
ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.
3Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, *Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.
4Izibele zakho zibalasele ezulwini;
ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.
5Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.
6Nceda ngamandla akho usivelele,
ukuze basinde abo ubathandayo.
7UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,
wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,
ngoloyiso ndiyayihlahlela;
intili yeSukoti yona ndiyibenge.
8IGiliyadi yeyam, noManase ngowam;
uEfrayim lelona xhadi lam;
uJuda ngumsimbithi wam.
9UMowabhi yintili yam yebhongo;
ke yena uEdom ndiyambanga.
EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
10Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?
Ngubani onokundisa e-Edom?
11Noko usilahlile, Thixo?
Akusaphumi nemikhosi yethu?
12Sincedise ezintshabeni zethu;
kaloku olomntu uncedo luphuthile.
13Ukuba uThixo ungakuthi, siya kuphumelela;
uya kuzinyhasha iintshaba zethu.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 108: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න