1
KWABASEROMA 10:9
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.
Sammenlign
Utforsk KWABASEROMA 10:9
2
KWABASEROMA 10:10
Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.
Utforsk KWABASEROMA 10:10
3
KWABASEROMA 10:17
Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
Utforsk KWABASEROMA 10:17
4
KWABASEROMA 10:11-13
Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa. Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo. Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
Utforsk KWABASEROMA 10:11-13
5
KWABASEROMA 10:15
Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo! ()
Utforsk KWABASEROMA 10:15
6
KWABASEROMA 10:14
Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?
Utforsk KWABASEROMA 10:14
7
KWABASEROMA 10:4
Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.
Utforsk KWABASEROMA 10:4