1
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:12
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Ngokuba ilizwi LIKATIXO lipilile, lisebenza ngamandla, libukali ngakumbi pezu kweziṙele zonke ezintlangoti zimbini, lihlaba kude kube kukwahlulwa nokwompefumlo nokwomoya, nokwamalungu nokwomongo, lilungele ukuqiqa izicingo nenkumbulo zentliziyo.
Bandingkan
Selidiki Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:12
2
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:16
Masiti ngoko sisondele kuyo iterone yofefe sinokalipo, ukuze silamkele itaṙu, silufumane ufefe kuze kusizwe ngexesha elifanelekileyo.
Selidiki Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:16
3
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:15
Ngokuba singenaye umperisite omkulu ongenamandla okuvana nati ezilwelweni zetu, kodwa obe elingiwe ngento zonke ngokufana nati, engenasono kodwa.
Selidiki Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:15
4
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:13
Kanjalo akuko sidalwa esisiteleyo ebusweni bake; kodwa zonke izinto zizé zityilekile emehlweni alowo esiya kupendulela kuye.
Selidiki Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:13
5
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:14
KEKALOKU sinaye umperisite omkulu ongaka ecandile amazulu nje, u‐Yesu unyana KATIXO, masiyibambe imvumelo yetu.
Selidiki Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:14
6
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:11
Masiti ngoko sinxamele ukungena kokuya ukupumla; ukuze kungabiko mntu owayo ngawo lowo wona umlinganiso wokungeva.
Selidiki Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 4:11