1
Ivangeli ka‐Mateyu 7:7
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana: qongqotani, naniya kuvulelwa.
비교
Ivangeli ka‐Mateyu 7:7 살펴보기
2
Ivangeli ka‐Mateyu 7:8
Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:8 살펴보기
3
Ivangeli ka‐Mateyu 7:24
Ngako lowo usukuba eweva lamazwi am, awenze, ndomfanekisa nomntu olumkileyo, owakayo indlu yake elulwalweni
Ivangeli ka‐Mateyu 7:24 살펴보기
4
Ivangeli ka‐Mateyu 7:12
Ngako zonke izinto enitanda ukuba abantu bazenze kuni, yenzani nani ngokunjalo kubo; ngokuba oku kungumteto nabaprofite.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:12 살펴보기
5
Ivangeli ka‐Mateyu 7:14
ngokuba lixinene isango, icutekile nendlela esinga ebomini, bebancinane nabo abayifumanayo.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:14 살펴보기
6
Ivangeli ka‐Mateyu 7:13
Ngenani ngesango elixineneyo; ngokuba libanzi isango, inkulu nendlela esinga entshabalalweni, bebaninzi nabo abangenayo ngalo
Ivangeli ka‐Mateyu 7:13 살펴보기
7
Ivangeli ka‐Mateyu 7:11
Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti UYIHLO osezulwini ape abo bacelayo kuye into ezilungileyo?
Ivangeli ka‐Mateyu 7:11 살펴보기
8
Ivangeli ka‐Mateyu 7:1-2
NINGABEKI tyala, ukuze ningabekelwa tyala nani: ngokuba ukubekwa kwetyala enibeka ngako, niya kubekelwa kona; nokulinganisa enilinganisa ngako, kwobuya kulinganiselwe nina.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:1-2 살펴보기
9
Ivangeli ka‐Mateyu 7:26
Kanjalo osukuba eweva lamazwi am, angawenzi, wofanekiswa nomntu osidenge, owakayo indlu yake entlabatini
Ivangeli ka‐Mateyu 7:26 살펴보기
10
Ivangeli ka‐Mateyu 7:3-4
Kuyinina ukuba ukangela icetyana elisesweni lomzalwana wako, kodwa umqadi osesweni lako akuwunakani? Woti nina nokuti kumzalwana wako: Vuma ndiliku̔pe icetyana esweni lako; kanti nangu umqadi kwelako iliso?
Ivangeli ka‐Mateyu 7:3-4 살펴보기
11
Ivangeli ka‐Mateyu 7:15-16
Lumkelani ke abaprofite ababuxoki, abezayo kuni ngezivato zegusha, kanti ngapakati bazincu̔ka ezixwilayo. Niya kubazi ngezixakato zabo. Kuka kukiwe idreyive emitolweni na? umhlaumbi amakiwane ezipingweni na?
Ivangeli ka‐Mateyu 7:15-16 살펴보기
12
Ivangeli ka‐Mateyu 7:17
Kwa njalo yonke imiti elungileyo iyahlanza izixakato ezilungileyo; kodwa umti obolileyo uyahlanza izixakato ezikohlakeleyo.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:17 살펴보기
13
Ivangeli ka‐Mateyu 7:18
Umti olungileyo awungehlanze izixakato ezikohlakeleyo; kanjalo umti obolileyo awungehlanze izixakato ezilungileyo.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:18 살펴보기
14
Ivangeli ka‐Mateyu 7:19
Yonke imiti engahlanziyo izixakato ezilungileyo iyagaulwa, iposwe emlilweni.
Ivangeli ka‐Mateyu 7:19 살펴보기