1
KWABASEROMA 6:23
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.
비교
KWABASEROMA 6:23 살펴보기
2
KWABASEROMA 6:14
Kuba isono asiyi kuniphatha ngabukhosi; kuba aniphantsi komthetho, niphantsi kobabalo.
KWABASEROMA 6:14 살펴보기
3
KWABASEROMA 6:4
Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.
KWABASEROMA 6:4 살펴보기
4
KWABASEROMA 6:13
Kanjalo amalungu enu maningawanikeli kuso isono, ukuba abe ziintonga zentswelabulungisa; manizinikele ngokwenu kuThixo, ngokwabaphile babengabafileyo, niwanikele kuThixo amalungu enu, ukuba abe ziintonga zobulungisa.
KWABASEROMA 6:13 살펴보기
5
KWABASEROMA 6:6
síkwazi nje oku, ukuba umntu wethu omdala wabethelelwa emnqamlezweni kunye naye, ukuze umzimba wesono uphuthiswe, size singabi sasikhonza isono
KWABASEROMA 6:6 살펴보기
6
KWABASEROMA 6:11
Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.
KWABASEROMA 6:11 살펴보기
7
KWABASEROMA 6:1-2
Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande? Nankanye! Thina safayo nje kwisono, singáthini na ukuba sahlala kuso?
KWABASEROMA 6:1-2 살펴보기
8
KWABASEROMA 6:16
Nakanye! Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye ukuba ngabakhonzi bokumlulamela, ningabakhonzi ngoku kulowo nimlulamelayo: nokokuba ningabesono, nisingise ekufeni, nokokuba ningabolulamo, nisingise ebulungiseni?
KWABASEROMA 6:16 살펴보기
9
KWABASEROMA 6:17-18
Makubulelwe ke kuThixo, ukuba nithe, beningabakhonzi besono, nawululamela ngokwentliziyo umfuziselo wemfundiso enanikelwayo kuwo; nathi, nákuba nikhululwe ke kuso isono, nakhonziswa kubo ubulungisa.
KWABASEROMA 6:17-18 살펴보기