1
KWABASEROMA 5:8
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
비교
KWABASEROMA 5:8 살펴보기
2
KWABASEROMA 5:5
ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
KWABASEROMA 5:5 살펴보기
3
KWABASEROMA 5:3-4
Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba
KWABASEROMA 5:3-4 살펴보기
4
KWABASEROMA 5:1-2
Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.
KWABASEROMA 5:1-2 살펴보기
5
KWABASEROMA 5:6
Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.
KWABASEROMA 5:6 살펴보기
6
KWABASEROMA 5:9
Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
KWABASEROMA 5:9 살펴보기
7
KWABASEROMA 5:19
Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa.
KWABASEROMA 5:19 살펴보기
8
KWABASEROMA 5:11
Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.
KWABASEROMA 5:11 살펴보기