UHLAZIYO-MNQOPHISO 13:1-3
UHLAZIYO-MNQOPHISO 13:1-3 XHO96
“Ukuba kuvela umshumayeli okanye umlawuli-maphupha phakathi kwenu, evakalisa ummangaliso okanye umqondiso oza kubakho, ize ke kwenzeke ngokwaloo mmangaliso okanye loo mqondiso, aze athi: ‘Masilandele *thixo bambi’ – thixo abo eningazange nibazi – aqhubele phambili athi: ‘Masibanqule,’ ze ningawathatheli ngqalelo amazwi aloo mshumayeli okanye loo mphuphi. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanivavanya, khon' ukuze aqonde ukuba nimthanda ngengondo iphela nangomoya uphela na.

