1
EKAYAKOBI 2:17
IBHAYIBHILE
XHO96
Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.
Confronta
Esplora EKAYAKOBI 2:17
2
EKAYAKOBI 2:26
Njengoko ufile umzimba xa umphefumlo uphumile, ngokunjalo nokholo olungangqinelwa zizenzo lufana nesidumbu, lufile.
Esplora EKAYAKOBI 2:26
3
EKAYAKOBI 2:14
Mawethu, kunceda ntoni ukuba athi umntu unokholo, zibe zona izenzo zakhe zingayingqini loo nto? Lunganceda ntoni olo kholo?
Esplora EKAYAKOBI 2:14
4
EKAYAKOBI 2:19
Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.
Esplora EKAYAKOBI 2:19
5
EKAYAKOBI 2:18
Ewe, ningatsho ukuthi omnye umntu unako ukuba nokholo, kanti nomnye unako ukwenza imisebenzi ethile. Kodwa ke mna ndithi ukuphendula: Khawundibonise ukuba ngaba lufezekile na olo kholo wena uthetha ngalo lungenamisebenzi lubonakala ngayo. Mna ndokubonisa ngemisebenzi ukholo endinalo.
Esplora EKAYAKOBI 2:18
6
EKAYAKOBI 2:13
Kaloku akayi kuba nanceba uThixo xa agweba umntu ongabanga nanceba. Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
Esplora EKAYAKOBI 2:13
7
EKAYAKOBI 2:24
Ùyaqonda ke ukuba umntu uba lilungisa ngenxa yezenzo kungekuko ngokholo lodwa?
Esplora EKAYAKOBI 2:24
8
EKAYAKOBI 2:22
Akuboni ukuba ngokwenjenjalo oku wayeqhutywa lukholo? Akuqondi ukuba ngesi senzo wangqina ukunyaniseka kokholo awayenalo?
Esplora EKAYAKOBI 2:22