1
UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:30-31
IBHAYIBHILE
XHO96
UNdikhoyo uThixo wenu nguye onikhokelayo. Yena wonilwela njengoko nambonayo esenjenjalo eJiputa nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’
Confronta
Esplora UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:30-31
2
UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:11
Kambe ke uNdikhoyo uThixo wookhokho benu wanga anganandisa kaliwaka, anithamsanqelise ngokwesithembiso sakhe!
Esplora UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:11
3
UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:6
“Xa sasikwintaba iHorebhe uNdikhoyo uThixo wethu wathetha nathi, wathi: ‘Seninethuba elide nikule ntaba.
Esplora UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:6
4
UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:8
Niyabona, lo mhlaba ndiwunika nina. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo. Kaloku ndênza isibhambathiso sokuwunika ookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, ngokunjalo nezizukulwana zabo.’ ”
Esplora UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:8
5
UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:17
Ze ningakhethi buso xa nigwebayo, koko ze nigwebe ulowo nalowo, noba ungubani na, ngokufanayo. Ze ningabi nadyudyu, ningoyiki mntu, kuba nigweba ngegunya likaThixo. Ke yona imicimbi enoyisayo ze niyizise kum, ndiyigwebe ngokwam.’
Esplora UHLAZIYO-MNQOPHISO 1:17