1
KWABASEKOLOSE 2:6-7
IBHAYIBHILE
XHO96
Ngoko ke, njengoko namamkelayo uKrestu Yesu iNkosi, hlalani nimanyene naye. Iingcambu zenu mazendele, nakheke kuye, nomelele ngokomelela elukholweni njengoko nafundiswayo, niphuphume ngumbulelo.
Confronta
Esplora KWABASEKOLOSE 2:6-7
2
KWABASEKOLOSE 2:8
Zilumkeleni, ningathatheki iingqondo yimilavuzo engaphethe nto, engasekelwanga ngoKrestu, esekelwe ngezithethe neemfundiso zabantu, nangamagunya alawula ehlabathini.
Esplora KWABASEKOLOSE 2:8
3
KWABASEKOLOSE 2:13-14
Nangona nanifile ngenxa yeziphoso zenu, nto leyo icaciswa kukungaluki kwenu, uThixo univuse kunye noKrestu, waza wazixolela zonke izono zethu. Usicime mpela isityholo setyala lethu lokwaphula imiqathango yomthetho. Incwadi leyo yesityholo uyisuse kwaphela, wayibethelela emnqamlezweni.
Esplora KWABASEKOLOSE 2:13-14
4
KWABASEKOLOSE 2:9-10
Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
Esplora KWABASEKOLOSE 2:9-10
5
KWABASEKOLOSE 2:16-17
Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga *neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
Esplora KWABASEKOLOSE 2:16-17