I‐Genesise 2

2
1Kwanjalo ke ukufezwa kwezulu nomhlaba, nawo wonke umkosi wazo. 2Waye utixo ebegqibile ngomhla wesixe̔nxe umsebenzi wake abewenzile; waza wapumla ngomhla wesixe̔nxe kuwo wonke umsebenzi wake abewenzile. 3Waza utixo watamsanqela owesixe̔nxe umhla, wawenza ngcwele; ngokokuba ebete ngawo wapumla kuwo wonke umsebenzi wake abewudalile utixo wawenza.
4NANKU ukuvela kwezulu nokwomhlaba ekudalweni kwazo, mhlana uyehova utixo wenzayo umhlaba nezulu, 5yonke imitana yasendle ingekabiko emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekahlumi: ngokuba uyehova utixo ebengekanisi imvula pezu kwomhlaba, kwakungeko mntu kanjalo alime ihlabati. 6Koko bekunyuka inkungu emhlabeni, yanyela ubuso bonke behlabati.
7Kekaloku uyehova utixo wadala umntu ngotuli lwomhlaba, wapefumlela ezimpumlweni zake umpefumlo wobomi; waza umntu waba ngumpefumlo opilileyo.
8Waye uyehova utixo watyala umyezo e‐Hedeni, ngasempumalanga: wambeka kona umntu abemdalile. 9Waza uyehova utixo wahlumisa emhlabeni yonke imiti ekanukekayo ukubonwa nemnandi ukutyiwa; kwa nomti wobomi pakati emyezweni, nomti wokwaziwa kwokulungileyo nokukohlakeleyo. 10Kwaye kupuma e‐Hedeni umlambo, ukuze uwunyele umyezo lowo; owahluka kona, waba zizibaxa zazine. 11Igama lowokuqala umlambo yi‐Pishone: nguwo lo ojikelezelayo lonke ilizwe le‐Havila, apo ikona igolide. 12Kekaloku igolide yelozwe ilungile: iko kona ibedolaki nelitye leshohame. 13Igama lomlambo wesibini yi‐Gihone: nguwo lo ojikelezelayo lonke ilizwe lakwa‐Kushe. 14Igama lomlambo wesitatu yi‐Hidekele: nguwo lo osingayo ngasempumalanga ye‐Asiriya. Umlambo wesine ngum‐Ferate.
15Waza uyehova utixo watabata umntu, wambeka emyezweni wase‐Hedeni, ukuze alime wona, awugcine. 16Waye uyehova utixo waxela emntwini, esiti: Yonke imiti yomyezo ungakolisa ukutya kuyo; 17kodwa umti wokwaziwa kwokulungileyo nokukohlakeleyo, akuyi kutya kuwo: ngokuba emhleni utyayo kuwo uya kufa ngokufa.
18Wayesiti uyehova utixo: Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi olungelelene naye. 19Waebedalile uyehova utixo emhlabeni zonke izilo zasendle, nazo zonke intaka zezulu, wazizisa ku‐Adame ukuba abone woti nina ukuzibiza: kuze kwati, oko wazibiza ngako u‐Adame zonke izinto ezinokudliwa kwobomi, kwaba ligama lazo kona. 20Waye u‐Adame wazitiya amagama zonke inkomo, nentaka zezulu, nazo zonke izilo zasendle; kodwa u‐Adame, akwamfunyanelwa mncedi olungelelene naye.
21Wandula uyehova utixo wahlisa ubutongo obukulu pezu kwo‐Adame, wada walala; waza watabata lwalunye kuzo imbambo zake, wati vingci ngenyama endaweni yalo. 22Olobambo abelutabatile ku‐Adame, waka uyehova utixo ngalo umfazi, waza wamzisa ku‐Adame. 23Wayesiti u‐Adame: Lo kaloku ulitambo ematanjeni am, nenyama enyameni yam; kukona aya kubizwa ngokuti ngumfazi, ngokuba ebetatyatwa endodeni. 24Ngako oko indoda iya kushiya uyise nonina, inamatele emfazini wayo; baze bona babe yinyama nye. 25Kekaloku babezé bobabini, u‐Adame nomfazi wake, bengabanga nantloni noko.

वर्तमान में चयनित:

I‐Genesise 2: XHO1902A

हाइलाइट

शेयर

कॉपी

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion आपके अनुभव को वैयक्तिकृत करने के लिए कुकीज़ का उपयोग करता है। हमारी वेबसाइट का उपयोग करके, आप हमारी गोपनीयता नीति में वर्णित कुकीज़ के हमारे उपयोग को स्वीकार करते हैं।