YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 1

uMateyu 1
1Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham. 2uAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe; 3uYuda wazala uPeres noZara ngoTamare; uFares wazala uEsrom; uEsrom wazala uAram; 4uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalmon; 5uTalmon wazala uBhohazi ngoRakabhi; uBhohazi wazala uObhedi ngoRute; uObhedi wazala uYese; 6uYese wazala uDavide ukumkani; uDavide ukumkani wazala uSolomon ngomfazi kaUriya; 7uSolomon wazala uRehobhowam; uRehobhoham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa; 8uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Oziya; 9u-Oziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya; 10uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya; 11uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe, ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon. 12Emva kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uTsorubhabheli; 13uZorobhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore; 14uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi; 15uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi; 16uYakobi wazala uYosefu indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, ekuthiwa nguKristu. 17Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine. 18Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useseleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. 19Ke kaloku uYosefu indoda yakhe, eyindoda elilungisa, engathandi ukumvezisa, wanga amala ngasese. 20Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya, uMoya oyiNgcwele. 21Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo. 22Ke kaloku konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi, 23Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, Bambize ngegama elinguEmanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi. 24Uthe ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umkakhe; 25Akamazi wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wamthiya igama elinguYesu.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 1: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy