YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 5

5
Abantu abanomlaza
1*UNdikhoyo wathi kuMosis: 2“Xelela amaSirayeli abakhuphele ngaphandle bonke abantu abanesifo solusu esisulelayo, nabophayo, noba *ngabanomlaza kukuphatha isidumbu. 3Bonke *abagqwaliseke ngolu hlobo mabakhutshelwe ngaphandle kwelali apho nam ndihlala kunye nawo.” 4Ngenene ke amaSirayeli ayenza le nto, abakhuphela phandle bonke abo bantu, njengoko uNdikhoyo wayalela uMosis.
Intlawulo
5*UNdikhoyo wanika uMosis 6le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nabani na, indoda okanye ibhinqa, obonakalisa ukunganyaniseki kuNdikhoyo ngokona omnye, 7makayivume loo nto imbi ayenzileyo, akhuphe intlawulo ngokuzeleyo. Ngaphezu koko ke uya kukhupha nesiqingatha sesihlanu, naso asinike umntu lowo amonileyo. 8Kambe ke ukuba umntu lowo akasekho, ibe ke kungekho nesalamane ekungahlawulwa kuso, kofuneka inikezelwe kuNdikhoyo, ibe yeyombingeleli. Le ntlawulo ke yongeza kulaa nkunzi yegusha kwenziwa ngayo idini lokucamagushela loo mntu unetyala. 9Wonke umnikelo owodwa okhutshwa ngamaSirayeli, ewunikela kuNdikhoyo, unenxaxheba eyeyababingeleli. 10Umnikelo wona ngowalowo unikelayo, kambe inxaxheba yeyababingeleli.”
Abafazi abanamadoda anobukhwele
11*UNdikhoyo wathetha noMosis, 12-14wathi makayalele amaSirayeli, athi: “Kungenzeka ukuba indoda isole umkayo, imkrokrela ukuba unento yokwenza nenye indoda, kodwa yona ibe ingaqinisekanga, kuba umcimbi lowo ungathiwanga pahaha, futhi ke ingenangqina nabungqina buphathekayo, njengoko engabanjwanga umfazi lowo. Mhlawumbi kungenzeka ukuba indoda leyo ibinamagxa nje, kungekho nanto ibitheni ayenzileyo umfazi lowo. 15Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.
16“Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo. 17Uya kuthatha amanzi awodwa, awagalele engqayini, aze akhe umhlaba apho phantsi esibingelelweni, awugalele kuloo manzi, ukuze akrakre. 18Uya kusuka ke azikhulule iinwele zomfazi lowo, amnike loo mgubo womnikelo, awuphathe ngesandla. Ke yena umbingeleli uya kuphatha laa ngqayi inamanzi akrakrayo azisa ishwangusha kumntu onetyala. 19Umbingeleli ke uya kumfungisa umfazi lowo esithi: ‘Ukuba kuthe kanti awukhange ube nanto yakwenza nandoda yimbi, uza kuba msulwa kwishwangusha eliziswa ngala manzi. 20Kambe ke ukuba ngenene ukrexezile, 21wanga uNdikhoyo angalenza isiqalekiso igama lakho phakathi kwamawenu. Wanga ungahlala uphuma isisu, okanye uNdikhoyo akubethe ngegalimoya. 22Ngenene akwaba la manzi aya kusitsho isisu sakho sibe negalimoya, okanye uhlale uphuma isisu.’
“Umfazi lowo ke uya kuphendula athi: ‘Makube njalo.’
23“Umbingeleli ke uya kusibhala esi siqalekiso, aze aphinde awuhlambe umbhalo lowo, ungene kulaa ngqayi inamanzi akrakrayo. 24Emva kokuba umbingeleli emseze umfazi lowo la manzi anokumenza aphathwe ngamahlaba, 25uya kuthatha laa mgubo womnikelo usesandleni sakhe, awuwanga-wangise phambi koNdikhoyo, awubeke kwiqonga lamadini. 26Uya kukha kuwo ngesandla atshise inxenye yawo apho eqongeni. Ekugqibeleni ke uya kuseza umfazi lowo awafince loo manzi. 27Ukuba ke kuthe kanti ngenene umfazi lowo ukrexezile, amanzi lawo aya kumtsho abe namahlaba, abe negalimoya, okanye aphume isisu. Ewe, woba ngoqalekisiweyo phakathi kwamawabo. 28Kambe ke, ukuba kuthe kanti umsulwa, akayi kwenzeka nto, futhi uya kuba nako ukufumana abantwana.
29-30“Lo ke ngumthetho mayela nendoda enobukhwele, ekrokrela ukuba umfazi wayo uyakrexeza. Umfazi lowo uya kumiswa esibingelelweni phambi koNdikhoyo, umbingeleli ke awuqhube loo msebenzi. 31Indoda ke yona iya kuba msulwa; kanti ke yena umfazi, ukuba ufumaniseke enetyala, uya kuvuna into abeyilimile.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy