YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 3

3
Oonyana baka-Aron
1Nantsi ke ingcombolo ngoonyana baka-Aron noMosis ngexesha *uNdikhoyo ethetha noMosis entabeni iSinayi. 2UAron wayenoonyana abane: uNadabhi omkhulu, uAbhihu, uElazare, noItamare. 3Bona ke bathanjiswa bamiselwa baba ngababingeleli. 4Kambe ke bona ooNadabhi noAbhihu bafela apho kwintlango yeSinayi, ngenxa yokuba benikele ngomlilo ongafanelekanga kuNdikhoyo. Babengekabi nabantwana, ngoko ke uElazare noItamare baba kumsebenzi wobubingeleli ngexesha lika-Aron.
AbaLevi benziwa abaququzeleli bababingeleli
5*UNdikhoyo wathi kuMosis: 6“Thatha indlu kaLevi, uyimisele ibe ngabaququzeleli bombingeleli uAron. 7AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela. 8Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela. 9Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe. 10UAron noonyana bakhe bamisele basebenze ezobubingeleli; nabani na ke ongomnye ophatha impahla yesibingelelo uya kubulawa.”
11UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: 12-13“Ngoku abakwaLevi ndibathathile; ngabam. Ekuwabulaleni kwam amazibulo amaJiputa ndazibekela bucala izibulo ngalinye lamaSirayeli ndawonye nawemfuyo yawo. Ngoku ke, endaweni yamazibulo amaSirayeli, ndibanga abakwaLevi; ngabam nqo. NdinguNdikhoyo kaloku.”
Ukubalwa kwabaLevi
14Kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathi kuMosis: 15“Babale abaLevi ngokwezindlu nemizi yabo; ubhalise bonke abangamadoda, ukuqalela kubudala obuyinyanga enye nangaphezulu.” 16Ke uMosis wayenza le nto.
17-20ULevi ke wayenoonyana abathathu: uGershon, uKohati, noMerari. Ngabo ookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo. UGershon yena waba noonyana ababini: uLibheni noShimeyi. Bona abakaKohati babebane: uAmram, uIzare, uHebron, noUziyeli. AbakwaMerari ke bona babebabini: uMali noMushi. Bona bangookhokho bezi zindlu zibizwa ngabo.
21Indlu kaGershon ke imi ngemizi kaLibheni noShimeyi. 22Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka asixhenxe anamakhulu amahlanu. 23Le ke yona indlu yema ngasentshona, ngasemva *kwesibingelelo. 24Inkulu yayo yanguEliyasafu, unyana kaLayeli. 25Owabo ke umsebenzi yayikukujongana nesibingelelo, isigqubuthelo saso sangaphakathi nesangaphandle, umkhusane wesango legumbi eliphakathi, 26nomkhusane wenkundla, ngokunjalo nomkhusane weqonga lamadini, kunye nomkhusane wesango lenkundla, neentsontelo, nako konke okunxulumene nezi zinto.
27Indlu kaKohati ke yona imi ngemizi ka-Amram, uIzare, uHebron, noUziyeli. 28Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babesisibhozo samawaka namakulu amathandathu, bonke beququzelela esibingelelweni. 29Le ke yona indlu yema kwicala langasezantsi lesibingelelo. 30Inkulu yayo yayinguElizafan, unyana kaUziyeli. 31Owabo umsebenzi yayikukujongana netyesi yomnqophiso, itafile, isiphatho-zibane, amaqonga, nezixhobo ezisetyenziswa ngababingeleli egumbini eliyingcwele, nomkhusane wokufihla igumbi eliyingcwele kangcwele. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto.
32Intloko yabaLevi ke yayinguElazare unyana ka-Aron umbingeleli. Yena wayengumveleli kwabo basebenza esibingelelweni.
33Ke yona indlu kaMerari imi ngemizi kaMali noMushi. 34Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka amathandathu namakhulu amabini. 35Le ndlu ke yona yema ngasentla kwesibingelelo. Inkulu yayo yayinguZuriyeli unyana ka-Abhihayili. 36Umsebenzi wabo yaba kukujongana nesakhelo sesibingelelo, imiqobo, iintsika, iziseko, nazo zonke izixhobo zaso. Ewe, babejongene nako konke okunxulumene nezi zinto. 37Ngokunjalo babejongene nezibonda, iintsika, izikhonkwane, neentsontela zenkundla.
38Ke yena uMosis noAron noonyana bakhe bema phambi kwesibingelelo ngasempuma. Umsebenzi wabo yayikukubusa ngaphakathi egumbini eliyingcwele, bemele amaSirayeli. Nabani na ongomnye owenza lo msebenzi wabo uya kubulawa.
39Lilonke inani labaLevi abudala buyinyanga nangaphezulu abathi babhaliswa nguMosis ngokwelizwi likaNdikhoyo laba ngamashumi amabini anambini amawaka.
AbaLevi bangena endaweni yoonyana bamazibulo
40-41*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.” 42UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo 43abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.
44UNdikhoyo wayala uMosis wathi: 45“Ngoku ke babekele bucala ubamisele abaLevi, babe ngabam, bathathe indawo yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. Ngokunjalo ke neenkomo zabaLevi mazithathe indawo yamazibulo eenkomo zamaSirayeli. 46Amazibulo angoonyana bamaSirayeli athe kratya ngamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anantathu kubaLevi; eli nani badlula ngalo ke malihlawulelwe. 47Kweli nani ke unyana ngamnye makahlawulelwe iisiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo. 48Le mali ke mayinikwe uAron noonyana bakhe.” 49Ngoko ke uMosis wayiqokelela imali yokhululo yokukhulula abo babegqithile kwinani labakhululwe ngabaLevi. 50Waqokelela iisiliva eziliwaka elinamakhulu amathathu namashumi amathandathu anantlanu. Le mali uyithathe kuwo onke amazibulo, 51waza wayinikezela kuAron noonyana bakhe njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

Currently Selected:

EYASENTLANGO 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy