YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 19

19
Amanzi entlambululo
1*UNdikhoyo wathetha noMosis noAron, 2wabanika le miyalelo, wathi: “Ngokommiselo kaNdikhoyo amaSirayeli makeze nethokazi lenkomo elibomvu, elingenasiphako, elingazange libotshwe, 3alinikezele kuElazare umbingeleli. Lothathwa ke likhutshelwe ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho loxhelelwa khona ekho. 4UElazare ke uya kuthi nkxu umnwe egazini apho, aze atshize kasixhenxe ejongise kwisango lesibingelelo. 5Xa iyonke ke loo nkomo, ufele nenyama, igazi namathumbu, mazitshiswe apho phambi kombingeleli ejongile njalo. 6Ke yena uya kuthatha ukhuni lomsedare, ihlamvu lehisopu, nomtya obomvu, aziphose phezu kwelo thokazi litshiswayo. 7Kamva ke makahlambe iimpahla zakhe, ngokunjalo nomzimba, aze ke abe nokubuyela emzini. Kambe ke uya kuhlala engekahlambuluki kude kuhlwe. 8Naloo mntu ubetshisa le nkomo kufuneka ahlambe iimpahla nomzimba, kodwa naye akayi kuhlambuluka de kube ngorhatya. 9Uthuthu lweli thokazi ke maluwolwe yindoda ehlambulukileyo, ilubeke endaweni ehlambulukileyo, kwalapho ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho luya kugcinwa khona libandla, ukuze amaSirayeli alusebenzise xa esenza amanzi entlambululo okususa isono. 10Loo mntu ubebutha uthuthu makazihlambe iimpahla zakhe, kodwa ke akayi kuhlambuluka kude kuhlwe. Lo mmiselo ke soze uthini nanini nanini; ngoko ke mawuthotyelwe ngamaSirayeli ngokunjalo nabangeneleli.”
Ukusetyenziswa kwamanzi entlambululo
11“Nabani na ochukumise isidumbu woba *ugqwalisekile iintsuku ezisixhenxe. 12Ngoko ke kofuneka azihlambulule ngamanzi entlambululo kusuku lwesithathu, ngokunjalo nangolwesixhenxe, ukuze abe uhlambulukile. Kambe ke ukuba akazihlambululanga kuzo zombini ezi ntsuku, olwesithathu nolwesixhenxe, akayi kuhlambuluka. 13Ke yena ochukumise isidumbu waza akazihlambulula, ugqwalisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo. Umntu onjalo makasikwe kwaSirayeli; kaloku akatshizwanga ngamanzi entlambululo. Wohlala egqwalisekile.
14“Nanku ummiselo ophathelele malunga nomntu ofele endlwini: nabani na olapho ngelo xesha, okanye ongenayo, uya kuba ugqwalisekile iintsuku zide zibe sixhenxe. 15Ngokunjalo nayiphi na ingqayi okanye imbiza engacikwanga yogqwaliseka nayo. 16Nomntu othe engaphandle phaya wachukumisa umntu ogetyengiweyo okanye ozifele nje, okanye ochukumise ithambo lomntu okanye ingcwaba, uya kugqwaliseka iintsuku ezisixhenxe.
17“Xa kuhlanjululwa umntu onjalo ke, kofuneka kucatshulwe kuthuthu lwethokazi elibomvu, lona luhlambululayo, lufakwe embizeni, luxutywe namanzi angcwengileyo. 18Wosuka ke umntu ohlambulukileyo athathe ihlamvu lehisopu, alithi nkxu apho emanzini, atshize indlu nako konke okukuyo, ngokunjalo nabantu ababelapho kuyo. Okanye umntu ohlambulukileyo uya kuthatha loo manzi atshize lowo uchukumise ogetyengiweyo, okanye ofileyo, mhlawumbi ochukumise ithambo noba lingcwaba. 19Kusuku lwesithathu, ngokunjalo nakolwesixhenxe, loo mntu uhlambulukileyo uya kutshiza lowo ugqwalisekileyo. Ngosuku lwesixhenxe ke uya kuhlambuluka loo mntu, akuba ezihlambile iimpahla zakhe, naye ngokwakhe ehlambe umzimba. Matshona kwelanga ke woba uhlambulukile.
20“Umntu ogqwalisekileyo, waza akazihlambulula, umelwe kukusikwa ebantwini, kuba unyelise isibingelelo sikaNdikhoyo. Kaloku akatshizwanga ngamanzi okuhlambulula; ngako oko uhlala egqwalisekile. 21Lo mmiselo mawuthotyelwe nini nanini. Umntu otshiza ngamanzi okuhlambulula makazihlambe iimpahla zakhe. Kanti ke nabani na ochukumisa amanzi okuhlambulula, uhlala engahlambulukanga kude kuhlwe. 22Nantoni na echukunyiswe ngumntu ogqwalisekileyo nayo iba njalo; futhi nabani na oyichukumisayo naye uhlala enjalo kude kuhlwe.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 19: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy