YouVersion Logo
Search Icon

EYASENTLANGO 13

13
Iintlola
(Hlaz 1:19-33)
1*UNdikhoyo wayalela uMosis 2ukuba akhethe inkokheli ibe nye kwindlu nganye kwezo zilishumi elinambini, azithumele zibe ziintlola, ziye kuhlola ilizwe laseKanana awayelinika amaSirayeli. 3-15UMosis wenza ngokwelo lizwi likaNdikhoyo, waza khona apho kwintlango yaseParan wazikhetha ngolu hlobo iinkokheli:
Indlu Inkokheli
KwaRubhen uShamuwa kaZakure
KwaSimon uShafati kaHori
KwaJuda uKalebhi kaJefune
KwaIsakare uIgali kaJosefu
KwaEfrayim uHosheya kaNune
KwaBhenjamin uPalti kaRafu
KwaZebhulon uGadiyeli kaSodi
KwaManase uGadi kaSusi
KwaDan uAmiyeli kaGemali
Kwa-Ashere uSeture kaMikayeli
KwaNafetali uNabhi kaVofesi
KwaGadi uGeweli kaMaki
16Ezi ke ziintlola ezathunyelwa nguMosis ukuba ziye kuhlola elaseKanana. Ke yena uHosheya, unyana kaNune, uMosis wamnika igama elinguYoshuwa.
17Ke kaloku ukuzindulula kwakhe uMosis wathi: “Phumani ninyuke nilingene eMazantsi ilizwe laseKanana, nize niye kufikelela kweleentaba. 18Maze nilijonge ukuba uluhlobo luni na umhlaba walo; bungakanani na ubuninzi babantu balo; ngaba ngamakroti okanye amagwala? 19Ze niqondisise ukuba lilizwe elinjani na: lihle na noba hayi? Khona abantu balo balime kanjani: ziidolophu eziphangaleleyo, okanye zizixeko ezikhuselweyo? 20Ze nilijonge ukuba ngaba lelendyebo, indlala, sini na; niqondisise noba ngaba linemithi na. Ze nibuye niphethe iziqhamo zakhona.” Ixesha lonyaka ezahamba ngalo yayilelokuvuthwa kweediliya.
21Loo madoda ke aphuma enyuka alijonga eqalela kwintlango iZin, aya kuqhina ngeRehobhi kwinkalo yeHamati. 22Angena eMazantsi aya kufika eHebron, apho kwakumi ama-Ahiman, namaSheshayi, namaTalmayi omlibo ka-Anaki. (IHebron le ke yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe phambi kokwakhiwa kweZowan yaseJiputa.) 23Iintlola ezo ke zaya kufikelela nakwintili ye-Eshkoli. Apha ke zakha isebe lomdiliya elalinesihlahla esinye seediliya. Labekwa esibondeni, laxwaywa ngamadoda amabini. Ngokunjalo zakha zaphatha neerharnati namakhiwane. ( 24Le ntili ke yathiywa igama elithi intili ye-Eshkoli ngenxa yeso sikhinkci seediliya iintlola ezo zasikhayo apho kuyo.)
25Ezi ntlola ke zathatha amashumi amane eentsuku ziligocagoca elo lizwe, zaza ke zagoduka zaya 26kuMosis noAron nebandla liphela lamaSirayeli eKadeshe kwintlango yaseParan. Zenza ingxelo ngezikubonileyo, zababonisa neziqhamo ezazize nazo. 27Zathi kuMosis: “Elaa lizwe silikhangele, saza safumanisa ukuba lityebile, lilizwe lobisi nobusi. Khangela, nazi iziqhamo zakhona. 28Kambe ke abantu balo ziingwanyalala, zaye ke nezixeko zabo zikhulu zinqatyisiwe. Ngaphezu koko ke nenzala ka-Anaki siyibone ngamehlo. 29Ama-Amaleki wona emi eMazantsi; aze amaHiti, amaJebhusi, nama-Amori wona abe phaya kweleentaba; kanti ke wona amaKanana athe qwelele phaya ngaselwandle nakummandla womlambo iJordan.”
30Kwesi sithuba ke uKalebhi wasuka wababeth' emlonyeni abo babenika ingxelo kuMosis, wathi: “Mawethu, kuf' ayayo! Masinyuke ngoku siye kulihlasela elaa lizwe. Sinako ukubaswantsulisa abaya bantu.”
31Kambe ke oogxa bakhe baphikelele bathi: “Ayikho indlela yokubahlasela, kuba ziingwanyalala kunathi.” 32Ngoko ke lo moya wabo bawuhlwayela apho kumaSirayeli ngemeko yelo lizwe babevela kulo. Bade bathi: “Elo lizwe linengozi; kuyatshatyalalwa apho. Abantu bakhona baziingxilimbela; 33siyibonile nenzala ka-Anaki. Ngokubona kwethu, thina sinjengeentethe kubantu belo lizwe; makube kukwanjalo nasekuboneni kwabo.”

Currently Selected:

EYASENTLANGO 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy