YouVersion Logo
Search Icon

UMALAKI 3

3
1“Uyabona ke, ndiyasithuma isigidimi sam esiza kundigabulela izigcawu. Ke yona iNkosi le niyilindeleyo yosuka ifike ngequbuliso kule ndlu yayo, nditsho uMthunywa woMnqophiso enimlangazelelayo.” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke.
2Yaz'ba ngubani na oya kuba nako ukuyinyamezela loo mini yokugaleleka kwakhe? Ingubani onokumelana naye akuthi gqi? Kaloku wofana nqwa nesephu ecocayo, abe matwa nomlilo wokunyibilikisa. 3Uya kuba eze kugweba, afane nomnyibilikisi ocwenga isiliva negolide. Naye ke uya kubahlambulula abaLevi, abacwenge oku kwegolide nesiliva, ukuze babe nako ukuzisa iminikelo kuNdikhoyo benobulungisa. 4Ke kaloku iminikelo yakwaJuda neyaseJerusalem iya kwamkeleka kuNdikhoyo njengakwimihla yakudala neminyaka yamandulo.
5UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”
Ubuqhophololo kwizishumi
6“Mna *ndinguNdikhoyo ongajika-jikiyo. Ke nina, nzala kaYakobi, anikatshabalali kwaphela. 7Ukususela kwimihla yooyihlo niyityeshele imimiselo yam, anayigcina. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Buyelani kum; nam ndobuyela kuni.’
“Niyabuza ke nisithi: ‘Masibuyele kuwe njani na?’
8“Umntu angamqhatha na uThixo? Kanti nina niyandiqhatha!
“Nobuza ke nithi: ‘Sikuqhatha kanjani na?’
“Kaloku nindenzela ubuqhophololo kwizishumi nakwiminikelo. 9Xa ninonke ke, isizwe sonke, niqalekisiwe kuba niyandiqhatha.
10“Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu. 11Izinambuzane ndozithintela zingazitshabalalisi izilimo zenu, nemidiliya yenu emasimini ingaphulukani neziqhamo zayo.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. 12“Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
Izithembiso zokwenzelwa inceba
13“Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.
“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’
14“Kaloku nithi: ‘Kulilizé ukukhonza uThixo. Kube yinzuzoni na kuthi ukugcina oko akulindeleyo? Kusincede ntoni ukuhamba okwabazilileyo phambi koNdikhoyo onamandla onke? 15Kakade, abanekratshi ngabona bathamsanqelekileyo! Abantu abenza izinto ezimbi bayaphumelela; uThixo bayamnyola, bajike basinde.’ ”
16Ke bona abamhlonelayo uNdikhoyo babencokola bodwa, waza weva waphulaphula uNdikhoyo. Phambi kwakhe kwabhalwa incwadi yesikhumbuzo yâbo bamhlonelayo belinika imbeko igama lakhe.
17UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye. 18Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nesikhohlakali, nditsho phakathi komkhonzayo uThixo nalowo ungamkhonziyo.”

Currently Selected:

UMALAKI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy