YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 4

4
Ukumiswa kwamatye esikhumbuzo
1Lakuba luwele lwaphelela uhlanga lwamaSirayeli, *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 2“Tyumba amadoda abe lishumi elinambini, ibe nye kwisizwe ngasinye. 3Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo bekume zinzi kuyo ababingeleli esazulwini seJordan, awathwale loo matye, aze awabeke apho kuya kuba kukhululwe khona ngokuhlwa namhlanje.”
4UYoshuwa wawabiza loo madoda alishumi elinambini awatyumbileyo kwisizwe ngasinye, 5wathi: “Ngenani emlanjeni iJordan, nigqithe kwityesi yomnqophiso kaThixo uNdikhoyo, ize indoda nganye ixwaye ilitye eliza kumela isizwe ngasinye samaSirayeli.” 6Watsho esithi: “La matye ngumqondiso kumaSirayeli ngazo zonke iziganeko zikaNdikhoyo. Xa bebuza ngomso abantwana benu besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’ 7nobaxelela ukuba ngamhla ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayiwela umlambo, ema amanzi, ahlanganiselana eJordan. La matye ohlala esisikhumbuzo kumaSirayeli sesiganeko esehla kule ndawo.”
8AmaSirayeli enza ngokomyalelo kaYoshuwa. Awakhetha amatye alishumi elinambini emlanjeni iJordan ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa, lalinye kwisizwe ngasinye, awasa kulaa ndawo kwakuza kukhululwa kuyo ngaloo mhla. 9UYoshuwa yena wabeka amanye amatye alishumi elinambini kulaa ndawo kwakumi kuyo ababingeleli ababethwele ityesi yomnqophiso, phakathi emlanjeni iJordan. (Aselapho unanamhla loo matye.) 10Ababingeleli bema njalo emlanjeni iJordan kwada kwagqitywa yonke into ekwakuthiwe kuYoshuwa mayenziwe ngabantu. Zizinto ezaziyalelwe nguMosis zonke ezo.
Abantu bakhawuleza ukuwela umlambo. 11Bakuba bewele bonke, ityesi yomnqophiso yawezwa ngababingeleli, abantu bejongile. 12Amadoda esizwe sakwaRubhen nesakwaGadi, kunye nenxalenye yesizwe sakwaManase, awela kuqala kunabo bonke abantu, exhobile, njengoko wayetshilo kuwo uMosis. 13Kwawela amashumi mane amawaka amadoda axhobele idabi, aya kutsho kwezo ntili zeJeriko, ekhatshwa nguNdikhoyo. 14Into eyenziwa nguNdikhoyo ngalo mhla yatsho amaSirayeli amhlonela uYoshuwa. Amhlonela bonke ubomi bakhe njengoko amhlonelayo uMosis.
15UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 16“Xelela ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ukuba baphume emlanjeni.” 17Wenjenjalo ke uYoshuwa, 18bathi bakuba bewelile, wabuya wazala, waphuphuma kwakhona umlambo.
19AmaSirayeli ayiwela iJordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala, afika amisa iintente eGiligali engasempumalanga yeJeriko. 20UYoshuwa wawamisa apho eGiligali laa matye alishumi linambini ayethathwe eJordan. 21Wathi kumaSirayeli: “Xa bathe abantwana benu babuza kuni, boyise, besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’ 22ze nibabalisele nithi: ‘AmaSirayeli ayiwela le Jordan ehamba emhlabeni owomileyo.’ 23Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wawanqumamisa amanzi eJordan, khon' ukuze niwele umlambo womile, kanye ngalaa ndlela womisa ngayo amanzi oLwandle oluBomvu khon' ukuze siwele. 24Loo nto ke iya kwenza ukuba bonke abemi belizwe bawaqonde amandla kaNdikhoyo uThixo wenu, nani nimoyike ngalo lonke ixesha.”

Currently Selected:

UYOSHUWA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy