YouVersion Logo
Search Icon

UYOSHUWA 23

23
Amazwi okugqibela kaYoshuwa
1Lakuba ligqithile ithuba elide *uNdikhoyo uwaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo ezaziwangqongile; noYoshuwa ngoku wayeselemdala aluphele. 2UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku. 3Niyibonile yonke into ayenzileyo ngenxa yenu uNdikhoyo kuzo zonke iintlanga zalapha. UNdikhoyo uThixo wenu ubesoloko enilwela kaloku. 4Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga. 5UNdikhoyo uThixo wenu nguye ngenkqu owozigxotha phambi kwenu; wovulela nina indawo. Ke ngoko lo mhlaba ngowenu njengoko kanye wathembisayo. 6Ngoko ke yomelelani, ninyamekele nithobele yonke into ebhalwe kwincwadi yomthetho kaMosis, ningashiyi nendawo le. 7Nize ningazibandakanyi naba bantu basaseleyo apha, ningabizi namagama *oothixo babo, okanye nisebenzise amagama oothixo babo xa nifunga, ningabanquli abo thixo nikhahlele kubo. 8Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla. 9UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini. 10Nditsho nomntu omnye kuni angachitha-chitha iwaka eyedwa, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanilwela njengoko wathembisayo. 11Ze nigcise ke ngenxa yobomi benu, uNdikhoyo uThixo wenu nimthande, 12kuba kaloku xa nithe natyeka kuye nazibandakanya nezi ntlanga ziseleyo apha, nendiselana nazo, 13ze nazi kakuhle ukuba uNdikhoyo akakubuy' azigxothe, anivulele indawo. Ndaweni yaloo nto ziya kusuka zibe ngathi zizabatha nezigu zokunigcayisela, zibe ngathi zizabhokhwe zokunitywatyusha, nameva asemehlweni, nide niphele nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo niwunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu.
14“Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga. 15Kanti kwalo Ndikhoyo unenzela izinto ezintle kangaka uyakwazi ukubuya azise ububi anitshabalalise nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo aninike wona. 16Ewe, xa niwutyeshelayo umnqophiso athe maze niwugcine uNdikhoyo uThixo wenu, nisuke nina nikhonze ninqule izithixo, wovutha umsindo wakhe, anitshabalalise ngephanyazo, niphele kuthi tu kulo mhlaba ulungileyo aninike wona.”

Currently Selected:

UYOSHUWA 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy