YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 4

4
UYesu nomSamariyakazi
1-2Naxa uYesu ngokwakhe engazange abhaptize namnye, ingabafundi bakhe ababebhaptiza, *abaFarasi beva ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ukufumana abafundi ababhaptize. 3Ngenxa yoko uYesu wemka kwelakwaJuda, wabuyela kwelaseGalili. 4Kwakufuneka acande kwelamaSamariya.
5Wafika kwidolophu yaseSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nendawo awathi uYakobi wayinika uJosefu unyana wakhe. 6Lalilapho iqula likaYakobi, waza wathi uYesu, ediniwe luhambo, wahlala phantsi ngasequleni apho. Kwakusemini emaqanda.
7Kwafika umSamariyakazi, eze kukha amanzi, uYesu wathi kuye: “Khawundiphe amanzi, ndisele.” 8Abafundi bakhe babengekho, beye kuthenga ukutya edolophini.
9Waphendula ke umSamariyakazi wathi kuye: “Ungathini na wena ungumJuda nje, ukuwacela kum amanzi, ndingumSamariya nje mna?” Kaloku amaJuda akanabudlelane namaSamariya.
10Waphendula uYesu wathi kuye: “Ukuba ubusazi isipho uThixo afuna ukukupha sona, ùmazi ukuba ngubani na lo ucela amanzi kuwe, ngewucele kuye wena, aze yena akuphe amanzi aphilileyo.”
11Umfazi lowo wathi kuye: “Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; ungawafumana phi ke amanzi aphilileyo? 12Ngaba wena umkhulu na kunokhokho wethu uYakobi, owasinika eli qula, awayesela kulo ngokwakhe kwakunye noonyana bakhe nempahla yakhe?”
13Waphendula uYesu wathi kuye: “Bonke abasela kula manzi baya kubuya banxanwe. 14Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”
15Umfazi wathi kuye: “Nkosi, nam ndiphe loo manzi ukuze ndingabi saphinda ndinxanwe, ndingezi nokuza kukha manzi apha.”
16Wathi kuye: “Hamba uye kubiza indoda yakho, nize apha.”
17Waphendula umfazi wathi: “Andinandoda.”
UYesu wathi kuye: “Ùnyanisile ukuthi akunandoda, 18kuba ubunamadoda amahlanu, nale unayo ngoku asiyoyakho.”
19Umfazi lowo ke wathi kuye: “Nkosi, ndiyabona okokuba wena *ungumshumayeli. 20Ookhokho bethu, thina maSamariya, babenqula uThixo kule ntaba. Ke nina maJuda nithi iseJerusalem indawo apho abantu bamelwe kukumnqula khona uThixo.”
21UYesu wathi kuye: “Ndiyakuxelela, liyeza ixesha ekothi ngalo ningabi samnqula uBawo kule ntaba okanye eJerusalem. 22Nina maSamariya ninqula eningakwaziyo. Thina maJuda sinqula esikwaziyo, kuba kakade kukwaJuda apho usindiso luphuma khona. 23Kodwa kuza ixesha, kwaye selikho, abaya kuthi ngalo abanquli benene bamnqule ngoMoya benyanisile uBawo, kuba uBawo ufuna abantu abamkhonza ngolo hlobo. 24UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.”
25Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.”
26UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”
27Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?”
28Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini: 29“Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?” 30Baphuma ke edolophini, baya kuYesu.
31Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!”
32Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.”
33Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?”
34UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.
35“Anitsho na ukuthi: ‘Kusele iinyanga ezine, kuvunwe’? Niyabona, ndithi kuni, inene, wakhangeleni kakuhle amasimi; nophawula ukuba akulungele ukuvunwa. 36Umvuni seleza kwamkela umvuzo wakhe, evuna isivuno esingabantu abamkela ubomi obungonaphakade. Ngako oko ohlwayelayo uvuya kunye nalowo uvunayo. 37Kungoko liyinyaniso iqhalo elithi: ‘Kuhlwayela lo, kuvune lowa.’ 38Ndinithume ukuvuna oko ningabulalekanga kuko. Kwabulaleka abanye, naza nina natya kwimveliso yabo.”
39Into eninzi yamaSamariya aloo dolophu yakholwa kuYesu, yakuva intetho yaloo mfazi ethi: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.” 40Athe ke amaSamariya akufika kuYesu, ambongoza ukuba ahlale nawo; waza wahlala khona apho iintsuku zambini.
41Baba baninzi ngakumbi abo bâkholwáyo ngenxa yamazwi kaYesu, 42baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”
43Emva kweentsuku ezimbini uYesu wemka apho, waya eGalili.
UYesu uphilisa unyana wegosa lakomkhulu
44UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo, 45kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.
46Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum. 47Lakuva ukuba uYesu ufikile eGalili, evela kwelakwaJuda, laya kuye, lambongoza okokuba ehle aye eKapernahum, aphilise unyana walo owayegulela ukufa. 48UYesu wathi kulo: “Nina aningekhe nikholwe ukuba anithanga nabona imiqondiso nemimangaliso!”
49Igosa lakomkhulu ke lathi kuye: “Nkosi, nceda uze engekabhubhi umntwana wam.”
50UYesu wathi kulo: “Goduka; unyana wakho uphilile.”
Indoda leyo yakholwa ngamazwi kaYesu, yahamba. 51Kwathi isesendleleni yahlangatyezwa zizicaka zayo, zathi: “Unyana wakho uphilile!”
52Yabuza ke ukuba uqale nini na ukuchacha, zaza zathi: “Uchache izolo ngentsimbi yokuqala emva kwemini kuloo mkhuhlane.” 53Wakhumbula ke uyise ukuba kwakungêlo xesha kanye uYesu awatsho ngalo kuye ukuthi: “Unyana wakho uphilile.” Lakholwa ke igosa lakomkhulu, yakholwa nendlu yalo yonke.
54Lo mqondiso wawenzayo uYesu wawungowesibini emva kokufika kwakhe eGalili evela kwelakwaJuda.

Currently Selected:

UYOHANE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy