YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 17

17
UYesu uthandazela abafundi bakhe
1Akuba etshilo uYesu, wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, lifikile ngoku ixesha. Mnike iwonga uNyana wakho, aze abubonakalise ubungangamsha bakho. 2Kaloku umnike igunya eluntwini, ukuze bonke abo umnike bona, abe nako ukubanika obona bomi bungenasiphelo. 3Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu. 4Ndibubonakalisile ubungangamsha bakho ehlabathini; ndiwufezile umsebenzi ondithume wona. 5Ndiwonge ke ngoku kunye nawe, Bawo, ngelo wonga ndandinalo ndikunye nawe ihlabathi lingekadalwa nokudalwa.
6“Ndikwazisile kwabo wandinika bona ubahlula kwabehlabathi. Babengabakho, wabanika mna. Ilizwi lakho libangene. 7Ke ngoku bayaqonda ukuba yonke into endinayo, ivela kuwe. 8Ndilugqithisile udaba obundithume lona kubo. Baqonde kakuhle bakholwa ukuba ndivela kuwe, bavuma ukuba ndithunywe nguwe.
9“Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho. 10Bonke abangabam, bangabakho; yaye bonke abangabakho, bakwangabam. Nditsho ndaduma ke ngenxa yabo. 11Njengoko ndisiza kuwe sendinjengongasekhoyo ehlabathini. Kambe ke bona basesehlabathini. Bakhusele, Bawo ongcwele, ngegunya legama lakho, elo wandinika lona, ukuze bahlale bebanye njengokuba mna nawe sibanye. 12Oko bendikunye nabo, bendibakhusela ngegunya legama lakho, elo wandinika lona. Ndabakhusela, akwaduka namnye kubo, ngaphandle komduka lowo, owazalisekisa okuxelwe *kwiziBhalo. 13Njengokuba sendiza kumka, ndize kuwe, ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze baphuphume luvuyo lwam. 14Ilizwi lakho ndiligqithisele kubo. Ke lona ihlabathi libathiyile, kuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingengowalo ihlabathi. 15Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo. 16Nanjengokuba mna ndingenguye owehlabathi, nabo abangabo abehlabathi. 17Benze babe ngabakho ngayo inyaniso. Lilizwi lakho inyaniso. 18Ndibathume ehlabathini njengokuba nam wandithumayo ehlabathini. 19Ndizinikela kuwe ngenxa yabo, ukuze nabo babe ngabakho ngenene.
20“Andithandazeli bona bodwa, koko ndithandazela nâbo baya kundivuma ngenxa yelizwi abaliva ngabo. 21Nceda benze bonke babe banye. Bawo, mabamanyane nathi, njengokuba wena unto-nye nam, nam ndinto-nye nawe. Mababe yimbumba yamanyama, ukuze likholwe ihlabathi ukuba ndithunywe nguwe. 22Ndibanikile nabo iwonga owandinika lona, ukuze nabo babe nto-nye, njengokuba nathi sinto-nye. 23Mandihlale kubo, njengokuba wena uhleli kum, ukuze babe nto-nye ngokupheleleyo, lize ihlabathi liqonde ukuba ndithunywe nguwe, lazi ukuba bona ubathanda njengokuba undithanda mna.
24“Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi. 25Bawo olilungisa, ihlabathi alikwazi. Mna ndiyakwazi, yaye naba bayaqonda ukuba ndithunywe nguwe. 26Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.”

Currently Selected:

UYOHANE 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy