YouVersion Logo
Search Icon

UHOSIYA 2

2
1“Nize nithi kubanakwenu: ‘Bantubam,’ koodade benu nithi: ‘Nonceba.’ ”
Ukunganyaniseki kwamaSirayeli
2“Thethani nonyoko nimmangalele.
Kaloku akasemfazi wam;
nam ke andindoda yakhe.
Yitshoni ahlukane nobuhenyu bakhe,
akuyeke ukukrexeza akutsala ngamabele akhe.
3Kungenjalo ndomhluba abe ze,
abe njengamhla wazalwa.
Ndomenza abe njengentlango,
abe matwa nelo libharhileyo,
ndimbulale ngonxano.
4Andiyi kuba nanceba kubantwana bakhe;
kaloku ngabantwana bobuhenyu.
5Unina usuke wahenyuza;
lowo ubazeleyo wenze okuziintlondi.
Kaloku yena wathi:
‘Ndiya kulandelana nezithandwa zam
ezindinik' ukutya namanzi,
uboya nelinen,
amafutha kunye nesiselo.’
6Ndosuka ndimbiyele ngobobo;
ndomakhel' udonga ndimvingcele,
athinteleke kwindlela ahamba ngayo.
7Wosukelana nezithandwa zakhe,
phofu angaze azifumane.
Uya kuba ngafuna-funa
ibe yinqaba ukuzifumana,
ade asuke athi:
‘Mandibuyele kwindoda yam yokuqala;
kwakubhetele ngoko kunangoku.’
8Kaloku yena akaqondi
ukuba yayindim omnikayo
ingqolowa newayini namafutha,
ndimvava ngesiliva negolide,
waza wanqula *uBhali ngayo.
9Ngoko ke ndoyihlutha
ingqolowa ngexesha layo,
newayini ngethuba elimisiweyo;
ewe, ndomhlutha uboya kunye nelinen,
izinto afihla ubuze bakhe ngazo.
10Ndosuka ke mna ndilityhile ihlazo lakhe
phambi kwezithandwa zakhe,
angahlangulwa bani kum.
11Ndoyinqamla imibhiyozo yakhe –
nditsho amatheko enyanga entsha,
kananjalo *nawoMhla wokuPhumla –
yonke imisitho yakhe emisiweyo.
12Ndoyibharhisa imithi yediliya nekhiwane,
le athi yena ukuyibiza:
‘Ngumvuzo endiwunikwe zizithandwa zam.’
Ndoyenza ibe lihlathi,
idliwe ziinyamakazi zasendle.
13Ewe, ndiya kumohlwaya
ngenxa yemihla awayenqula uBhali
emenzela iziqhumiso,
ezihombisa ngamaso nemisesane,
esukelana nezithandwa zakhe,
esuke wandilibala ke mna.”
Lowo ke ngumlomo *kaNdikhoyo.
UNdikhoyo ubuyisela abantu bakhe kuye
14“Ndosuka ke mna ndicenga-cengane naye;
ndomthundezela entlango,
ndithethe naye kakuhle.
15Ukususela apho ndombuyisela izidiliya zakhe,
yona iNtili yeAkore ndiyenze ibe lisango lethemba.
Yena uya kundamkela,
azinikezele kum njengakwimihla yobutsha bakhe,
mhla waphuma kwelaseJiputa.
16“Ngaloo mini wondibiza uthi: ‘Myeni wam,’
ungabi sathi: ‘Bhali wam.’ ”
Utsho umlomo kaNdikhoyo.
17“Ndosusa kwa-amagama athi: ‘Bhali,’
angabi sabikho emlonyeni wakhe,
angabi saphinda akhunjulwe.
18Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso
namarhamncwa asendle,
kunye neentaka zezulu,
nezinto ezirhubuluza emhlabeni.
Isaphetha nekrele nemfazwe
ndozinqamla kweli hlabathi,
ukuze konke nje kube luxolo.
19Ndiya kukungeja, ndimanyane nawe ngonaphakade;
ewe, ndokungeja ngobulungisa nangokusemthethweni,
ngokunyaniseka nangenceba.
20Ndokumanya nam ngentembeko,
khon' ukuze undazi mna *Ndikhoyo.
21“Ngaloo mini ndophendula;
ndowaphendula amazulu,
nawo awuphendule umhlaba.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
22“Nawo umhlaba uya kuphendula,
uvelise ingqolowa newayini namafutha,
zona eziyimpendulo kwiYizereli.
23Ndozihlwayelela yena emhlabeni,
ndimenzele inceba lowo bekusakuthiwa nguAkenzelwanga-nceba.
Kwabo kuthiwa: ‘Asibantu bam,’
ndiya kuthi: ‘Ningabantu bam,’
bona bathi kum: ‘Wena unguThixo wethu.’ ”

Currently Selected:

UHOSIYA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy