YouVersion Logo
Search Icon

IZILILO 4

4
Ukungcungcutheka kweJerusalem
1Awu! Igolide ilahlekene nobukhazikhazi;
suka eyona-yona yagqola!
Amatye exabiso angcwele athe saa ekungeneni kwesitalato ngasinye.
2Umlisela oliqhayiya laseZiyon,
obufudula ixabiso lawo nqwa negolide,
kodwa ngoku nqwa neembiza zomdongwe
ezingumsebenzi wezandla zombumbi.
3Neempungutye ziyancancisa, ziwondle amathole azo,
kodwa abantu bam bangqwabalala njengenciniba yasentlango.
4Iintsana zinxanwe lwada ulwimi lwee nca enkalakahleni.
Abantwana bakhalela isonka, kodwa akukho mntu ubaphayo.
5Ababefudula besitya izimuncu-muncu ngoku bazula-zula ezitalatweni behlwempuzekile.
Ababekhula benxiba ezimbeje-mbeje namhla bagqusha eluthuthwini.
6Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,
yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.
7Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,
zimhlophe kunobisi,
imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,
zinomkhitha okwesafire.
8Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;
azaziwa xa zihamba esitalatweni.
Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;
lome okweenkuni.
9Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;
bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.
10Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,
baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.
11*UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;
uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.
Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12Iikumkani zehlabathi zazingakholwa,
nditsho nkqu abemi bonke belimiweyo,
ukuba iintshaba nababandezeli bangaze bangene emasangweni eJerusalem.
13Kodwa ke kwenzekile oko ngenxa yezono zabashumayeli bayo,
nezikreqo zababingeleli bayo,
abaliphalaze kuyo igazi lamalungisa.
14Ngoku baphampatha ezitalatweni okwabantu abaziimfama.
Igazi libadyobhe kangangokuba akukho mntu unga angazichukumisa izambatho zabo.
15“Mkani; *nigqwalisekile!” batsho abantu kubo.
“Sukani; sukani; ningakhe nilinge ukusondela kuthi!”
Bakuba bebhacele ezintlangeni
zona ziya kuthi ngabo: “Abanakuhlala apha.”
16Ubachitha-chithe ngokwakhe uNdikhoyo;
uyekile ukubalondoloza.
Abasahlonelwa ababingeleli;
akasajongelwe nto amadoda amakhulu.
17Amehlo ethu ade amfiliba kukujonga uncedo olungekhoyo;
simi bhuxe kwiimboniselo zethu,
sijonge uhlanga olungenako ukuhlangula.
18Sichwechwelwa ngamadoda asizingelayo
ngokokude singabi nakuhamba ezitalatweni zethu.
Sisondele isiphelo sethu;
ifinciwe imihla yethu;
ewe, sifikile isiphelo sethu.
19Ababesisukele babenesantya ngaphezu kwesokhozi;
basileqa ezintabeni, basilalela entlango.
20Umthanjiswa kaNdikhoyo, obubomi nomphefumlo wethu, wabanjiswa emigibeni yabo.
Thina besiba xa siphantsi kwesithunzi sakhe
soba ngabantu phakathi kwezizwe.
21Yiba nemihlali uvuye, ntombi enguEdom,
wena ohlala elizweni laseUze.
Phofu nawe uza kuyirhabula le ndebe;
uya kunxila uzihlube uhambe ze.
22Wena ntombindini enguZiyon,
siza kufikelela esiphelweni isohlwayo sakho;
akuyi kolulwa ukuthinjwa kwakho.
Kodwa, ntombindini enguEdom, úya kukohlwaya ngesikreqo sakho,
ayityhile inkohlakalo yakho.

Currently Selected:

IZILILO 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy