YouVersion Logo
Search Icon

UHOSIYA 4

4
UNdikhoyo umangalela uSirayeli
1Hoyina; hoyina, maSirayeli!
Phulaphulani ilizwi *likaNdikhoyo!
Kaloku uNdikhoyo unesikhalazo,
umangalela abemi beli lizwe:
“Akukho tu ukunyaniseka nokuthembeka;
akazelwe nto uThixo kweli lizwe.
2Intw' ekhoyo kukuqalekisa,
ukuxoka, ukubulala, ukûba, nokukrexeza.
Kugquba ubugebenga;
igazi liphalala liphalele.
3Ngenxa yoko ilizwe lingumqwebedu,
nabo bonke abemi balo bayankolonkoza,
ngokunjalo oozilwanyana noozintaka;
nkqu neentlanzi elwandle phaya ziyafa.”
UNdikhoyo umangalela ababingeleli
4“Akafumani amangalelwe umntu,
asuke nje atyholwe ngomnye,
kodwa mna ndiza kuwamangalela amawenu, mbingelelindini!
5Ùza kukhubeka uwe emini wena,
nomshumayeli akhubeke awe kunye nawe ebusuku;
ewe, nkqu nonyoko ndomcim' igama.
6Kaloku abantu bam bayatshabalala
ngenxa yokuswela ulwazi ngam.
“Kaloku uyalubukula ulwazi ngam;
nawe ke ndiyakukhiqa kububingeleli bam.
Wena uwutyeshele umthetho woThixo wakho;
andiyi kubakhathalela ke noonyana bakho.
7“Okukhona baye besanda ababingeleli,
kokukhona kwandayo nokundona kwabo.
Ke lona olo dumo lwabo ndolujika lube lihlazo.
8Bona batya ngezono zabantu bam;
eyona nto bayifunayo kukuba makwenziwe ubugwenxa.
9Ngoko ke mna ndobopha ngentamb' enye,
ndingakhethi mntu nambingeleli,
ndibohlwaye bonke ngenxa yeendlela zabo,
ndibabuyekeze ngenxa yeentlondi zabo.
10Boba ngatya, banganeli noko;
boba ngahenyuza, bangandi kodwa;
kuba bakuyekile ukumphulaphula uNdikhoyo,
11basuka bazilahlela ekuhenyuzeni.”
UNdikhoyo ukhalazela unqulo-zithixo
“Entsha nendala iwayini iyithimba kuthi tu ingqondo 12yabantu bam.
Bade babuzise nakumfanekiso womthi;
bafun' ukutyhilelwa nayintonga yembala.
Kaloku balahlekiswa ngumoya wobuhenyu;
bakrexezile bamlahla uThixo wabo.
13Benz' amadini kwiincopho zeentaba,
baqhumisele ezindulini,
phantsi kwemioki, iipampiri, nemiterebhinte,
apho kukho imithunzi epholileyo.
Zisuke ke iintombi zenu zihenyuze;
basuke oomolokazana bakrexeze.
14“Andiyi kuzohlwaya iintombi zenu, nakuba zingenwa luhenyuzo nje,
ngokunjalo noomolokazana benu, noba bangade bakrexeza,
kuba namadoda ngokwawo ayahenyuza,
enza iminikelo kunye
namahenyukazi asezindlwini zonqulo-zithixo.
Awu, bantundini bangaqondiyo, anikho yintshabalalo!”
USirayeli unenkani
15“Nangona ukrexeza nje, Sirayeli,
uJuda yena makangazibizeli ityala.
Mus' ukuya eGiligali, Juda,
ungayi naseBhetaven,
ungenzi zifungo zilambathayo,
usithi: ‘Ekho nje uNdikhoyo!’
16“Hayi, kamb' iinkani zakhe uSirayeli, nqwa nethokazi elidlokovayo!
Ke uNdikhoyo angamalusa njani okwetakane edlelweni?
17UEfrayim uthene nca nezithixo.
Suka, myeke enjalo!
18Zithi zingahlutha yiwayini iinkokheli
zisuke zingene ekuhenyuzeni;
ndaweni yokukhusela zikheth' ihlazo.
19UEfrayim wosuka aphephetheke nomoya,
amadini akhe amzisele ihlazo.”

Currently Selected:

UHOSIYA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy