YouVersion Logo
Search Icon

3 KAYOHANE 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna indoda enkulu. Ndibhalela uGayo endimthanda ngokwenene.
2Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho. 3Ndavuya gqitha xa kwakufika amawethu endixelela ngendlela othe ngcembe ngayo enyanisweni – njengoko uhlala usenza kakade. 4Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.
UGayo uyanconywa
5Mhlobo endimthandayo, hayi ukuba nenyameko kwakho kumsebenzi owenzela amakholwa – nditsho nalawo angabahambi! 6Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo. 7Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa. 8Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.
UDiyotrefe noDemetriyo
9Bendibhalele ibandla ileta. Kodwa uDiyotrefe, ongugqada-mbekweni, akafuni kuva nento le ngam. 10Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.
11Mhlobo oyintanda, ungaze uyilinganise imikhwa emibi; uze ufunde umzekelo omhle. Wonke umntu owenza okulungileyo ngokaThixo. Kodwa lowo wenza okubi akakabonani noThixo.
12Kodwa wonke umntu uthetha kakuhle ngoDemetriyo. Inyaniso iyacaca ngaye. Nam ndiyayingqina loo nto, yaye uyazi ukuba andixoki.
Amazwi okuphetha
13Zininzi izinto endifuna ukukuxelela zona, kodwa andithandi kuzibhala. 14Ndinqwenela ukukubona kwakamsinya, khon' ukuze sithethe ubuso ngobuso.
15Uxolo malube nawe.
Bayabulisa bonke oogxa bakho. Nawe bulisa kubahlobo bam bonke ngabanye.

Currently Selected:

3 KAYOHANE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy