YouVersion Logo
Search Icon

1 KUTIMOTI 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokugunyaziswa nguThixo uMsindisi wethu, noKrestu Yesu ithemba lethu. 2Ndibhalela uTimoti, unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo, noKrestu Yesu iNkosi yethu.
Isilumkiso ngeemfundiso zobuxoki
3Njengoko ndakuyalelayo ukuya kwam eMakedoni, nceda uhlale apho e-Efese. Kaloku kukho abantu abaneemfundiso zolahlekiso apho, ngoko ke banqande. 4Yitsho bahlukane neentsomi, nemilibo yokuzalwa engaphele ndawo. Kaloku ezi zinto zikhuthaza iingxoxo ezingayi ndawo. Azikwazi ukulichaza icebo likaThixo elaziwa ngokholo. 5Injongo yalo myalelo kukuvuselela uthando oluphuma kwintliziyo enyulu, nesazela esihlambulukileyo, kwanokholo olungazenzisiyo. 6Abanye abantu bathe ngokuswela ezi mpawu balahleka. Beyela kwiingxoxo ezilambathayo. 7Bazenza abafundisi bomthetho, kanti abawaqondi amazwi abawasebenzisayo, ngokukwanjalo nakuloo mibandela bathetha ngayo bangoozwi-lakhe.
8Siyazi ke ukuba umthetho ulungile, ukuba usetyenziswa ngendlela efanelekileyo. 9Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta, 10nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene. 11Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
Umbulelo ngenxa yenceba kaThixo
12Ndiyambulela uKrestu Yesu iNkosi yam, ngokundinika amandla okuwenza umsebenzi wam. Ndiyambulela kuba endibone ndifanelekile ukuba ndimiselwe ukumsebenzela. 13Undalathile nangona ndandimngcikiva, ndimtshutshisa, ndimthuka. UThixo waba nenceba kum, kuba ndandingakholwa; ngoko ke ndandingayazi into endiyenzayo. 14Ngesisa sayo iNkosi yandibabala, yandipha ukholo nothando, esizifumana ngokumanywa noKrestu Yesu. 15Nanga amazwi athembekileyo, afanele ukwamkelwa: UKrestu Yesu weza emhlabeni ukuze asindise aboni; ndingobalaseleyo ke mna. 16Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo. 17Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! *Amen.
18Lo myalelo ndiwunika wena, Timoti, nyana wam, ngokwamazwi awodwa âvela kuThixo ethethwa ngawe mandulo. Ngoko ke loo mazwi makabe sisixhobo sakho edabini, 19uxhobe ngokholo nangesazela esihlambulukileyo. Ngokudela isazela, abanye abantu balutyumza okweselwa elinamasi ukholo lwabo. 20Phakathi kwabo ndingabalula uHimeniyo noAlesandire, esendide ndabanikela kuSathana, ukuze baqeqeshwe bakuyeke ukunyelisa.

Currently Selected:

1 KUTIMOTI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy