YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 1

1
UElikana nosapho lwakhe eShilo
1ERamatayim kwakukho mfo uthile ugama linguElikana, unyana kaJeroham, kaElihu, kaTowu wendlu kaZufi. Wayengowesizwe sakwaEfrayim kweleentaba. 2Lo mfo wayenabafazi ababini, uHana noPenina. UPenina wayezala, kodwa uHana yena engafumani bantwana.
3Minyaka le lo mfo wayedla ngokuya eShilo, aye kunqula *uNdikhoyo uThixo onamandla onke, anikele amadini. UHofeni noPineyasi, oonyana bakaEli, babengababingeleli bakaNdikhoyo apho. 4Wayedla ngokuthi uElikana, ngomhla enze idini, akhuphe izabelo zikaPenina nezabantwana bakhe, 5uHana yena amnike sibe sinye, naxa wayemthanda nje. Kaloku uHana wayeyivinjiwe inzala nguNdikhoyo. 6Ngaphezu koko umka-ndod' akhe uPenina wayesoloko emcunukisa, emngcungcuthekisa ngokungazali kwakhe. 7Yayisithi rhoqo le nto ukwenzeka xa beye kwaNdikhoyo eShilo minyaka le. UPenina wayesoloko emnukuneza ngokungazali kwakhe uHana, amtsho ade akhale ezimathontsi, angafuni nokutya oku. 8Kwakuba njalo indoda yakhe uElikana yayisithi: “Hana, ulilela ntoni? Kutheni ungatyi nokutya oku? Ukhathazwa yintoni kakade, selude waziduba wadandatheka kangaka? Andixabisekanga na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?”
Isibhambathiso sikaHana
9-10Ngamhla uthile, beseShilo apho, kwakuba kutyiwe kwaselwa, wasuka waphakama uHana, ebindekile, wazibika *kuNdikhoyo. Ngelo xesha umbingeleli uEli wayehleli esihlalweni sakhe ngasemnyango wendlu kaNdikhoyo. Ebuhlungu enjalo uHana, wathandaza, 11wenza isibhambathiso kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo Somandla, wanga ungayibona inkxwaleko yesicakazana sakho, usikhumbule, ungasilibali isicakazana sakho, kodwa usinike unyana. Ke ndomnikezela kuwe, Ndikhoyo, abe ngowakho bonke ubomi bakhe, yaye neenwele zakhe azinakuze zichetywe. ”
12UHana wathandaza ithuba elide, uEli emjongile, ethe ntsho kuloo milebe. 13Wayengavakalisi kuthetha uHana, kodwa yayibebezela yona imilebe. UEli wacinga ukuba uHana uyanxila, 14wathi kuye: “Koda kube nini na unxila? Yahlukana notywala!”
15“Hayi, mhlekazi, andinxilanga,” waphendula watsho uHana. “Andikhange ndisele iwayini okanye utywala, nto nje ndibuhlungu kakhulu. Wena undibona ndibika intlungu yam kuNdikhoyo. 16Uze ungathi ndilitshijolo lomfazi. Ndithandaza ndingayeki nje, kungenxa yokuba ndibindekile ndihluphekile.”
17“Hayi ke, hamba ngoxolo; uThixo kaSirayeli uya kukwenzela ngokwesicelo sakho, ntombi yam,” watsho uEli.
18UHana yena wathi: “Akwaba isicakazana sakho singababalwa njalo.” Watsho ehamba, waya kutya, waxola.
Ukuzalwa kukaSamweli
19Usapho lukaElikana lwavuka kwangentseni. Baya kunqula *uNdikhoyo, emva koko banduluka ukubuyela kokwabo eRama. Ke uElikana wahlangana noHana umkakhe. Weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe. 20Wakhawula, wazala inkwenkwe unyaka ungekapheli. Wathi: “Igama layo nguSamweli; kaloku ndayicela kuNdikhoyo.”
21UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso. 22UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”
23Indoda yakhe uElikana yathi: “Kulungile, ungasala. Yenza loo nto uyibona ilungile. Ungalinda ude umlumle umntwana. Ubenga uNdikhoyo angasifezekisa isithembiso sakhe. ”
Wasala ke uHana, eluncancisa usana lwakhe, lwada lwalunyulwa.
USamweli unikelwa kuNdikhoyo
24Wathi akululumla usana lwakhe uHana, waya nalo eShilo, eqhuba inkunzi yenkomo eminyaka mithathu, ephethe neshumi leekhilogram zomgubo wengqolowa, nemvaba ezele yiwayini. Wahamba noSamweli, emsa endlwini *kaNdikhoyo eShilo, eselula njalo.
25Yakuba iwile inkunzi yenkomo, usana lwasiwa kuEli. 26UHana wathi kuEli: “Camagu, nkosi yam! Usaphila nje ulingqina lam lokuba ndingulaa mfazi wayemi apha ethandaza kuNdikhoyo. 27Ndandicela lo mntwana, waza uNdikhoyo wasiva isicelo sam. 28Ngoku ke ndimbuyisela kuNdikhoyo, kuba bonke ubomi bakhe bobalowo ucelwe kuNdikhoyo.” Emva koko ke uSamweli wakhonza uNdikhoyo apho eShilo.

Currently Selected:

1 KASAMWELI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy