YouVersion Logo
Search Icon

URUTE 1

1
Ukumka nokubuya kukaNahomi
1Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi, kwabakho indlala elizweni. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaza yaphambukela elizweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo bobabini. 2Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Baya ke elizweni lakwaMowabhi, baba khona.
3Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; washiywa ke yena noonyana bakhe bobabini. 4Bazeka abafazi abangamaMowabhikazi; igama lomnye lalinguOrpa, igama lomnye lalinguRute; bahlala khona iminyaka eseshumini. 5Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; washiywa ke loo mfazi ngoonyana bakhe bobabini nayindoda yakhe.
6Wesuka yena noomolokazana bakhe, ebuya elizweni lakwaMowabhi; ngokuba weva eselizweni lakwaMowabhi, ukuba uYehova ubavelele abantu bakhe ngokubanika isonka. 7Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; wahamba ngendlela ebuyela ezweni lakwaYuda.
8Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Hambani, nibuyele elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele inceba, njengoko nenze ngako kubafi nakum. 9UYehova makaninike nifumane indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe. Wabanga; baliphakamisa ilizwi labo, balila. 10Bathi kuye, Hayi, siya kubuyela nawe kubantu bakowenu.
11Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; kungani na ukuba nihambe nam? Ndisenoonyana yini na embilinini wam, ukuze babe ngamadoda kuni? 12Buyani, zintombi zam; hambani, ngokuba sendikwaluphalele ukuba nendoda. Khona ukuba ndibe ndisithi, Ndisenethemba, nokuba bendithe ndaba ngonendoda ngobu busuku, nokuba bendithe ndazala oonyana, 13beniya kuthi ngenxa yoko nilinde bade bakhule, yini na? Beniya kuthi ngenxa yoko nizibambe ningabi namadoda, yini na? Hayi, zintombi zam; ngokuba kukrakra kunene kum ngenxa yenu, kuba isandla sikaYehova siphumelene nam.
14Baliphakamisa ilizwi labo, babuya balila. UOrpa wamanga uninazala; ke yena uRute wanamathela kuye. 15Wathi yena, Ùyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyéle kubantu bakowabo, nakoothixo bakowabo; buya nawe, ulandele umkhuluwakazi wakho. 16Wathi uRute, Musa akundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye, ndingàkulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam; 17apho ùfela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe.
18Wabona ukuba uzimisele ukuhamba naye, wayeka ukuthetha kuye.
19Bahamba ke bobabini, bada bafika eBhetelehem. Kwathi, xa bangenayo eBhetelehem, wazamazama wonke umzi ngenxa yabo, bathi, NguNahomi na lo? 20Wathi kubo, Musani ukuthi ndinguNahomi;• yithini ndinguMara,• ngokuba uSomandla undenze ndakrakra kunene. 21Ndemka mna ndizéle; ke uYehova undibuyisa ndilambatha. Yini na ukuba nithi ndinguNahomi; uYehova engqinile nje ngam, uSomandla endenzele ububi nje.
22Wabuya ke uNahomi enoRute umMowabhikazi, umolokazana wakhe, owabuya elizweni lakwaMowabhi; bafika bona eBhetelehem ekuqalekeni kokuvunwa kwerhasi.

Currently Selected:

URUTE 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy