YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 6

6
Isiyalo sokuchasa ubumeli
1Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho,
Wabambana nomnye ngesandla:
2Urhintyélwe ngentetho yomlomo wakho,
Uthiwé hlasi ngentetho yomlomo wakho.
3Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule;
Kuba uzifaké esandleni sommelwane wakho;
Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho.
4Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho,
Ungaziniki kozela iinkophe zakho;
5Zihlangule esandleni njengebhadi,
Njengentaka esandleni somthiyeli.
Isiyalo sokuchasa ubuvila nobutshijolo
6Yiya embovaneni, vilandini;
Khangela iindlela zayo, ulumke:
7Yona ithi, ingenamphathi,
Namongameli, namlawuli,
8Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni,
Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.
9Kunini na ulele, vilandini?
Ùya kuvuka nini na ebuthongweni bakho?
10 Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela,
Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
11Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi,
Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.
12Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo,
Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;
13Útyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo,
Walatha ngophakathi wakhe.
14Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke,
Úngenisa ingxabano.
15Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe;
Úya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.
16Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova,
Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:
17Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo;
Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;
18Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga;
Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;
19Lingqina elixokayo, elifutha amanga;
Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.
Isiyalo sokuchasa ubuhenyu nokukrexeza
20Nyana wam, bamba umthetho kayihlo,
Ungasilahli isiyalo sikanyoko.
21Sibophe entliziyweni yakho okukanye,
Usinxibe emqaleni wakho.
22Ekuhambeni kwakho sókukhapha;
Ekulaleni kwakho sókugcina;
Ekuvukeni kwakho sóncokola nawe.
23Ngokuba úsisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo;
Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;
24Ukuba ugcínwe kumfazi onobubi,
Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.
25Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho,
Angàkubambisi ngeenkophe zakhe;
26Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka;
Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.
27Umntu únokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe,
Zingàtshi na iingubo zakhe?
28Únokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo,
Zingatyabuki na iinyawo zakhe?
29Únjalo ongena emfazini wommelwane wakhe;
Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.
30Àlidelwa isela, xa lithe labela
Ukwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;
31Lifunyênwe, lihlawula kasixhenxe,
Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.
32Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo;
Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.
33Ufumanana nobetho nocukucezo,
Ungcikivo lwakhe alucimi.
34Kuba ikhwele libubushushu bendoda,
Ayiyi kuyeka ngemini yempindezelo.
35Ayiyi kulubeka ucamagusho, nokuba luluphi na;
Ayiyi kuvuma, naxa uthe wayicenga ngeento ezininzi.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 6: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy