YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 20

20
1Ingumgxeki iwayini,
singumxokozeli isiselo esinxilisayo;
Bonke abayotywe yiyo àbalumkile.
2Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani;
Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe.
3Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano;
Ke zona izimathane zonke ziyavungama.
4Ebusika ivila alilimi;
Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto.
5Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda,
Kanti indoda enengqondo iyalirhola.
6Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo;
Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongáyifumanayo?
7Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa,
Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!
8Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba,
Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.
9Ngubani na ongáthi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam,
Ndihlambulukile esonweni sam?
10Amatye ngamatye,• iiefa ngee-efa,•
Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.
11Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo,
Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.
12Indlebe evayo, neliso elibonayo,
UYehova uzenzile ezo zinto zombini.
13Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke;
Vula amehlo akho, uhluthe kukudla.
14Imbi, imbi! utsho othengayo;
Emke, andule aqhayise.
15Kukho igolide, neekorale• ezininzi;
Ke yona impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi.
16Thabatha ingubo yakhe omele omnye;
Menze isibambiso ngenxa yabasemzini.
17Sinencasa endodeni isonka sobuxoki;
Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu.
18Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano;
Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.
19Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;
Ungàdibani nepholopholo.
20Otshabhisa uyise nonina,
Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.
21Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni,
Ukuphela kwalo akunantsikelelo.
22Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi;
Thembela kuYehova, wókusindisa.
23Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye;•
Nesikali• esikhohlisayo asilungile.
24Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda;
Umntu angáthini na ukuyiqonda indlela yakhe?
25Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele,
Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.
26Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo,
Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.
27Sisibane sikaYehova umphefumlo womntu,
Siphengulula zonke iingontsi zombilini.
28Inceba nenyaniso ilondoloza ukumkani;
Uyixhasa itrone yakhe ngenceba.
29Isihombo samadodana ngamandla awo;
Ubuhle bamadoda amakhulu zizimvi.
30Imivumbo etyabulayo iguxa ububi;
Izibetho ziguxa iingontsi zombilini.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 20: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy