YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEFILIPI 4

4
Iziyalo
1Ngoko ke, bazalwana bam abaziintánda, balangazelelwayo, lùvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintánda.
2UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini. 3Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bázama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.
4Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani. 5Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke. 6INkosi ikufuphi. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. 7Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.
8Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto. 9Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
Umbulelo kaPawulos ngobubele babaseFilipi
10Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba. 11Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele. 12Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela. 13Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.
14Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo. 15Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa. 16Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam.
17Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu. 18Ke ndinezinto zonke nje, ndìtyebile, ndìhluthi, ndìzamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo. 19Ke uThixo wam wókwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu. 20Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
Imibuliso
21Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam. 22Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare.•
23Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.

Currently Selected:

KWABASEFILIPI 4: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy